Bajikiswe neR20 000 yabo oonozakuzaku bakulo-Amaza

Umfanekiso wakulo Zahara ePhumlani Umfanekiso: I'solezwe lesiXhosa

Ukujikiswa koonozakuzaku neR20 000 yabo yeLobola, kuchazwe njengesizathu sokuba uBulelwa “Zahara” Mkutukana noAmaza Ntshanga bohlukane.

Ngokophando lweSolezwe langeSonto (iphepha lakuthi eliseThekwini, lesiZulu) pha kweyeNkanga kulo nyaka uphelileyo u-Amaza wathumela igqiza kulo Zahara, kodwa lajikiswa ngabazali bakaZahara ngelithi incinci imali le ababeze nayo kwaye kwakufuneka babuye xa bethe bazama eyongezekileyo.

Zange baphinde babuyele apho oonozakuzaku abo ukuzokuthi ga ngoku. Sithetha nje kuthiwa uZahara noAmaza bohlukene.

Esi sibini sinento engapha kweminyaka emibini sithandana kwaye kulo nyaka bekujongwe ukuba bazimanye ngeqhina lomtshato.

Sithe xa sizama uZahara wathi yena akukho nto azakuyithetha, usalinde usapho luka-Amaza lubuyele kubo: “izinto zelobola zizinto zosapho kwaye zithethwa ngabantu abadala kuphela!”

Ukanti u-Amaza yena uthe usaxakekile. Xa siphinda simzama akawuphendula umnxeba.

Ingxelo epheleyo ikwiSolezwe ngeSonto kwaye nathi sakusizama kwakhona esisibini kwalapha evekini.