Bajonge isithsaba ngobuntombi babo

Ayabonga Desemela noSinovuyo Bokveld

Ziintwazana ezintathu eziphuma kwiphondo laseMpuma Koloni ezingekathintwa ndoda ezizakube ziyokukhuphisana nezinye iintombi kukhuphiswano lesithsaba se-Indoni Miss Cultural SA eThekwini kwinyanga ezayo.

Ezi ntombi nto ziphuma kwisizwe samaMpondo, esabaThembu kwanesamaXhosa. Ukhuphiswano lakube lungomhla wesixhenxe kwinyanga ezayo kwihotele i-ICC eThekwini.

Ukhuphiswano lwe-Indoni lujongene ncakasana nokukhuthaza kwanokukhulisa ngendlela abantwana abangamantombazana. Kolu khuphiswano, la mantombazana afundiswa ngemvelaphi yawo nangohlobo amawaziphathe ngalo.

Phambi kokuba ungenele olu khuphiswano, intombazana iyahlolwa ijongwe ukuba ayikalali nandoda kusini na.

I’solezwe lincokole nala mantombazana mathathu ephondo, lifuna ukuva ngendlela aziva ngayo ukuba yinxalenye nolu khuphiswano.

UNcebakazi Masumpa (18) wesizwe samaMpondo noyinzalelwane yaseLusikisiki, ungumfundi kaGrade 12 kwisikolo Indwe High.

UMasumpa uthi ngokungena kwakhe kwi-Indoni ebefuna ukwazi ngamasiko esizwe sakhe nanjengoko ithuba engenalo ekhule kukhonzwa kowabo, kungakholelwa ekwenziweni kwamasiko.

“Ndifunde lukhulu. Bendingayazi nokuba kukho imisebenzi eyenzelwa umntu oyintombazana xa ekhula, ngoku ndiyayazi, ndincedwe kukungenela iNdoni. Ndiye ndangeniswa ngumdla wokuzazi ukuba xa kuthwa ndiliMpondo kuxa kutheni. Ndifundile nokuba liyahlonitshwa isiko kwanemvelaphi,” utshilo uMasumpa.

Omele abaThembu uSinovuyo Bokveld (17) umfundi kaGrade 12 eNzimankulu eLady Frere uthi: “Siphuma kumakhaya awohlukeneyo apho iingqeqesho zohlukeneyo, apho uyalwayo uye uxelelwe ukuba sukukholisa itshomi. Mna andikadibani nendoda, ndilindele ixesha lam, futhi ndiyazidla ngalo nto kungoko ndibone kubalulekile nokuba ndithabathe inxaxheba kwi-Indoni. Okunye okuye kwandenza ndingenele ndifuna ukufunda ngamasiko ezinye izizwe. Ndikwafunde nangeyam inkcubeko,” utshilo uBokveld.

Igqiyazana lesizwe samaXhosa uEndinalo Mnana, umfundi kaGrade 10 eNgwenyathi, uthi eyakhe injongo yokungenela kwi-Indoni kukufuna ukufundisa oogxa bakhe ngohlobo lokuziphatha xa uyintombazana.