Bajongene nengalo yomthetho abachaphazeleka kwibholo lokuthengiswa kwezikhundla zobunqununu

AZAKUTSHUTSHISWA amagosa esebe lezemfundo afunyenwe echaphazeleka kwibholo lokuthengiswa kwemisebenzi yootitshala yimanyano yootitshala kweli iSADTU.

Oku kuvele kwingxelo yophando yegqiza labaphathiswa epapashwe ngumphathiswa wesebe lezemfundo kweli, uAngie Motshekga. UMotshekga wayalela uphando emva kweengxelo zamaphephandaba ezadiza ukuba iSADTU ithengisa izikhundla zeenqununu kumaphondo afana neMpuma Koloni, Kwa-Zulu Natal, eMpumalanga, eLimpopo, eMntla Ntsona naseLimpopo.

Kwiziganeko zophando ezingamashumi asibhozo ananye, le ngxelo idize ukuba amashumi amathathu anesibhozo kuzo zinechaphaza lobugwenxa bokuthengiswa kwemisebenzi. Le ngxelo iphakamise ukuba iphinde iqwalaseliswe ngokutsha inkqubo yokuqhwesha kweenqununu, ukususa izinto ezifihlakeleyo ngayo.

Ikwaphakamise ukuba isebe lezemfundo lityumbe igqiza elizimeleyo elizakuqwalasela izicelo zobunqununu, liqhube udliwanondlebe nabo bakuluhlu olufanelekileyo kweso sikhundla. Le ngxelo ikwathe akukho lwazi luphangaleleyo kumalungu ebhodi elawula izikolo ngenkqubo nangomthetho ekufanele ukuba iyalandelwa xa kutyunjwa inqununu, kwaye isebe lezomfundo liyalelwe ukuba likulungise oko.

Ikwathe isebe lezemfundo maliqinise umthetho kwabo bathe bahlaba ikhwelo ekubhentsiseni lo mkhuba.

Nangona ibikade iphikisana nesebe lezemfundo imanya yootitshala iSADTU, ithe izakuyeka umthetho udlale indima yawo, kwaye izakuwaluleka amalungu ayo achaphazelekayo. ISADTU ibikade ikuphikisa ukukhutshwa kwale ngxelo esidlangalaleni, igrogrisa nokusa umphathiswa wezemfundo ezinkundleni ngelithi, le ngxelo ityabeka imanyano endaweni yokugxila kwabo bachaphazelekayo.

NeDA ikwamkele ukukhutshwa kwale ngxelo isithi ibonakalisa ukuba liphantsi kweSADTU ulawulo lwezemfundo kumaphondo asibhozo kweli.

UGavin Davies ongangumphathiswa wezemfundo phantsi korhulumemnte weDA uthe, la magosa achaphazelekayo makatshutshiswe. Ukanti ingxelo yophandonzulu izakukhutshwa ngoAgasti walo nyaka.