Bajuxuze kwasa kwiMnquma Jazz Festival

Okokuqala ezimbalini kwiMnquma Jazz Festival abathandi bomculo bejuxuze kwasa phandle neemvumi zabo eGcuwa Dam ngoMgqibelo.

Kumsitho walo mculo womngqungqo kunyaka ophelileyo kwathi kubetha intsimbi yesine kusasa, labe sele libaleka inani labantu ebabebukele,

Kodwa ngempela-veki ilizwi elincamisa umxhelo nelithambisa intliziyo likaNathi odume ngengoma ethi “Nomvula” lelona lithe latsala uluntu oluninzi ekubeni luhlale de kubethe intsimbi yesine kusasa ngeCawe.

Le ntandane yephondo leMpuma Koloni ijuxuzise uluntu lwaseMnquma zisuka nje, ngeengoma ezifana no-Ndingenza njani, Imizamo Yam, kodwa eyona ngoma ashukumise ngayo ngamandla, ibeyile ithi, Nomakanjani nayicula nogxa wakhe uVusi Nova.

USfiso Ncwane ebekulindeleke ukuba acule khange akwazi ngenxa yokuba esithi uleqa ukuyokungcwaba kokwabo ubhuti wakhe eKZN, emva kokuba efike emveni kwexesha ebelimiselwe ukuba akhwele ngalo eqongeni ngoMgqibelo, kodwa wafika ngeCawe kusasa yena.

Oko khange kuthobe ummdla kuluntu ebeligcwalise eli dami , ndaweni yalo nto umsasazi womhlobo wenene uPutco Mafani obengumphathi theko wonwabise uluntu ngeJayivi zakhe.

Ezinye zeemvumi eziculileyo kulo msitho ibenguProffessor, Jessica Mbangeni, Thandiswa Mzwai Butho Vuthela noSealelo Selota.