Bakhahlela kuGigaba: Aah! Mphathiswa!

UKUTHUBELEZA komboniso welungu lobudoda likaMphathiswa weMicimbi yezeKhaya uMalusi Gigaba kubangele ingxokolo kwabaninzi, kodwa kukwabonakale neqela lamabhinqa ancoma ubume bobudoda balo Mphathiswa.

Lo mboniso uthubeleze kakhulu kwimpelaveki esiyishiya ngasemva, kodwa kuyabonakala ukuba kudala ukhona nanjengoko uGigaba esithi wathathwa kuye ngokungekho semthethweni phakathi ko2016 no2017.

Kulo mboniso wemizuzwana elishumi elinesithathu, uGigaba ubonakala ephulula ilungu lakhe lobudoda eliqabe ioli. Lo Mphathiswa uvakala esithi: “Mhh! Kha ufane ucinge ukuba ibisemlonyeni wakho!”

Ngokwesithethi sikaGigaba, uVuyo Mkhize, lo mboniso uthutyeleziswe yinkokheli yeqela lezopolitiko eliphikisayo.

Le nkokheli yeqela eliphikisayo yawufumana kugxa kaGigaba (ilungu lePalamente leANC) lo mboniso kwaye iinjongo ibikukugqwalisa igama likaGigaba, utshilo uMkhize.

Ephendula kwimbalelwano abeyibhale kuTwitter malunga nalo mboniso, uGigaba uthe: “Inkosikazi yam kwakunye nam bafumanise ukuba, ngokuzisola nangosizi, kukho umboniso wezesondo, obufanele amehlo wethu kuphela, nowabiwe ngokungekho semthethweni ngethuba ifowuni yam inyityelwa ulwazi ngo2016/17 ze yathutyeleziswa koosopolitiki.”

UGigaba ukwathe lo mboniso ziinzame zokumgqwalisa eziqale ngethuba esonyulwa njengoMphathiswa wezeziMali kunyaka ophelileyo.

“Ndiyaxolisa kusapho lwam lonke, ingakumbi unkosikazi nabantwana, ebukhweni kwanabantu boMzantsi Afrika ngentlungu nehlazo elenziwe kukuthutyeleziswa kwalo mboniso,” utshilo uGigaba kuTwitter.

Bekukho iingxelo zokuba uGigaba ebelunyukiswe ngelithi makakhuphe izigidi ezihlanu zeerandi okanye ajongane nokuhlazeka ngenxa yalo mboniso.

Kumaqonga onxibelelwano, amabhinqa akawuvali umlomo encoma ilungu lobudoda likaGigaba. “Intle into epha tsiiii!” utshilo owasetyhini kuFacebook wephephandaba I’solezwe lesiXhosa.

“Uphathisiwe uMphathiswa, damn!” utshilo omnye umsebenzisi kaFacebook. “Yhoo hayi sihle isigigaba,” kutsho omnye umntu wasetyhini.

Iingcaphephe zabezomthetho zithi akukho semthethweni ukuthutyeleziswa kwalo mboniso, kwaye lowo ubonwe esenza oko angajongana nengalo yomthetho.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za