Bakhala ngamaBhulu aseQumrha abahlali

Amaxhoba okuphathwa gadalala kwiifama zaseQumrha izolo afumene ithuba lokuphalaza imbilini yawo ngezehlo ezimanyungunyezi ezenziwa kubo ngamaBhulu ala mmandla.

Le nyoba ivele emva kotyelelo lukamphathiswa wophuhliso loluntu ephondweni uNancy Sihlwayi ephelekwa ngugxa wakhe kuphuhliso lwamaphandle nezolimo uMlibo Qoboshiyane.

USihlwayi noQoboshiyane bebebambe umsitho nabahlali befama iDraaibosch eQumrha kwiholo yale dolophu, ebizele imi ngeembambo.

Aba bahlali basezifama, nekudala bezizigculelo zokuphathwa gadalala ngamaBhulu aseQumrha, bathi ukuba urhulumente angathi abanike ngokusesikweni umhlaba osele bexhwarhe kuwo okwangoku, oko kungabenza bakhululeke nasemiphefumlweni.

UNongetheni Marhwele onamashumi amathandathu anesine ngeminyaka ubudala obebonakala edandathekile nolixhoba lokuphatheka gadalala ngamafama aseDraaibosch uthi akukho namnye umntu onokuyinqwenela impilo abayiphilayo yokuphathwa gadalala ngamabhulu, bexuthelwa imizi kodwa yabo.

“Sele sakhile kwaye sele sinexesha sihlala apha amafama awasifuni nosibona ibangathi bayanukiselwa xa besibonayo. Abantwana bethu bazizigcwilelo kuwo. Unyana wam kunyaka ka2014, wakhonjwa ngompu egruzulwa phantsi ngomnye wamafama aseDraaibosch esithi zisondele kwicingo lakhe iibhokhwe. Kunanamhlanje andikazifumani ezo bhokhwe, wathi ukuba ndiyazifuna ndakuzithatha ngemali okanye uyakundibonisa ukuba ubhinqa ngantoni,” utshilo uMarhwele.

Abahlali balivuyele utyelelo labaphathiswa besithi banethemba lokuba utshintshio kwiindawo zabo luzakuba khona kwaye owona mnqweno kukunikwa indawo yabo bazotsho bakwazi nokuxhamla kwiinkonzo zikarhulumente nanjengoko bengenazo iinkonzo ezifana namanzi, umbane kwakunye nendlela.

USihlwayi uthi bafumaniseke kunyanzelekile ukuba bayokujongana namaxhoba ubuso ngobuso. “Apha size ukuzokulungisa iingqondo zamaxhoba ezonakeleyo nanjengoko sizibonele kwaye sisiva nangentlalo abayihleleyo kwanokuphehluzeliswa kwabo ngabanikazi beefama abamhlophe balo mmandla,” utshilo uSihlwayi.

USihlwayi ukwaqinisekisile esithi lo nyaka ka2016 awuzukuphela singekho isikolo soonomngqushwana (ikhritshi) kwezi ndawo zamaxhoba kwakunye nekhaya eligcina abantu abadala nanjengoko esithi bakwinqanaba lokuba banikezwe iinkonzo zabo.

Ukanti nombutho ongenanto nakwenza norhulumente i-NGO ngamafuphi bazakuwuvula nathi uzokujongana ncakasana neengxaki ezijongene noluntu lwala mandla.

Isebe libashiye neengubo ezishushu, iipasele zokutya, impahla yesikolo yabantwana nanjengoko umphathiswa esithi uninzi lwabo aluthathi-ntweni.

Okwikomiti yaseDraaibosch uNtsokolo Mbulawa uthi kudala bezama bekhala kurhulumente befuna umasipala iGreat Kei kwakunye norhulumente abanike la mhlaba ngokusesikweni nathi kunzima ukungabinandawo nokungaxhamli kwiinkonzo.