Bakhala ngeemeko abaphantsi kwazo abafundi eKing Hintsa

Lusanqunyanyisiwe uqhankqalazo labafundi bekholeji iKing Hintsa kuba belinde indibano abanethemba lokuba iyakuthi ize nezisombululo ezincumisayo malunga nezikhalazo zabo ebezibangele ukuba baqhanqkalaze kwiveki ephelileyo. Indibano iza kubanjwa namhlanje ngabolawulo kule kholeji kwakunye nabaphuma kwisebe lezemfundo ephondweni.

Aba bafundi bavale indlela ephakathi kwedolophu yaseGcuwa kwakunye noCentane, beyivala ngamatayala avutha umlilo kwanangamatye kuba bebefuna baphendulwe kwizikhalazo zabo. Kuqhankqalazo olu kubangele ukuba kude kubanjwe abafundi kuba bebeziphethe kakubi begibisela iimoto ezidlula ngendlela. Kodwa noxa kunjalo, sele bekhululiwe ngebheyile.

Ngokwengxelo ephuma kusihlalo weSasco kule kholeji, uCalvin Nhlambo, uthi ukuba akuzu kukhawulelwana neengxaki zabo kwindibano namhlanje, bazakubuyela kwakhona kuqhanqkalazo kuba esithi kudala bakhala akukho kokuqala bephakamisa ukungoneliseki kwabo bengabafundi.

“Sikhalela ukusuke sigqityelwe kwezinye zezigqibo kungakhange kudityanwe nathi. Umzekelo kuthotywe imali esibonelelwa ngayo ezikolweni iNSFAS kungakhange kudityanwe nathi. Sibe siyazi ukuba yona imali ikhona esikolweni iyakhutshwa. Iimeko esihlala phantsi kwazo ingakumbi abakuCentane,” utshilo uNhlambo.

Ezinye zezinto le kholeji ibikade izikhalela kunyaka ophelileyo, kukungabikho kokhuseleko ngaphakathi kwindawo abahlala kuzo kwanemeko embi yokuhlala kumagumbi abo. Apho babesithi kwiiKhampasi ezikuCentane asiyomeko enokuze ehlale umntu ophilileyo kwaye ofuna ikamva eliqaqambileyo.

USiphenathi Seyise okwiKhampasi eseDutywa ukwelo naye lokuba abazukubuya ngamva, baza kuqhubekeka nokukhalela amalungelo abo.

Isithethi samapolisa ephondweni, uKhaya Tonjeni, udize ukuba baye bakhululwa ngesilumkiso ze babhatala ibheyile emnye kwabo bebebanjwe ngamapolisa kolu qhanqkalazo kwiveki ephelileyo.