Bakhala ngeenyawo ezidumbileyo abaqhubi beebhasi

IINYAWO ezidumbileyo, ukuqhuba imigama emide kwanokungafikeleli kwiinkqubo zonyango. Ezi zezinye zezikhalazo ezibangele ukuba abaqhubi beebhasi bangenele kugwayimbo lukazwelonke ukusukela ngoLwesithathu umhla weshumi elinesibini kule nyanga.

Olu gwayimbo luthetha ukuba bazakuba sengxakini abo basebenzisa iibhasi ngeli xesha leeholide zePasika, ukuba abaqhubi abaphendulekanga kwisikhalo sabo sokunyuselwa umvuzo ngeshumi elinesihlanu ekhulwini. Iibhasi ezikugwayimbo ziquka iAutopax (TransLux neCity to City), Greyhound, Citiliner, Golden Arrow, Megabus, ReaVaya neMayibuye.

Umkhweli obezakusebenzisa uCity to City ukusuka kwisikhululo saseMonti ukuya eThekwini uthe: “U-City to City akanankathalo, akasithumelelanga nemiyalezo le esazisa ngogwayimbo.”

Omnye umkhweli kaGreyhound ukusuka eMonti ukuya eThekwini uthe: “Babane besithi masilinde, kodwa ixesha lokufika kwebhasi kudala lidlulile. Xa ingekho ibhasi mandinikwe imali yam.”

Umqhubi kaTranslux uAdvocate Magwaxaza uthi abagungqi kwisikhalo sabo sokunyuselwa imivuzo. “Thina singabaqhubi baseMpuma Koloni, sisuka kweli phondo sisiya eKapa. Lowo ngumgama weeyure ezilishumi elinesibhozo apho umqhubi ngamnye eqhuba iiyure ezisibhozo. Cinga ke xa wenza lo msebenzi umhla nezolo. Uphumla nje usuku olunye,” kutsho uMagwaxaza.

“Iinyawo zam zidumbile, xa sigula kunzima ukufikelela kunyango kuba asinayo iMedical Aid,” utshilo uMagwaxaza.

UTranslux noCity to City baxolisile kubakhweli, malunga nolu gwayimbo. Ofuna ingcombolo, malunga nemali yetikiti kwaTranslux okanye kwaCity to City angatsalela le nombolo: 0861 589 282

*Okutsha: NgoLwesine ebusuku abakwaAutopax (Translux noCity to City) bafikele kwisivumelwano sokonyusa umrholo wabaqhubi nge-8.5% – nto ethetha ukuba ezinye iibhasi zabo zingabonakala ezindleleni kule mpelaveki yePasika.