Bakhala ngempathombi abalobi bephondo

Abalobi abasakhasayo bakumanxweme aseMpuma Koloni bakhala ngempathombi kumagosa karhulumente, besithi ukuba ababanjwa banikwa imidliwo ngokuloba elwandle.

Ngenyanga yeDwarha umlobi waseNtubeni kuGatyana, uYandisa Thandanisa (25), udutyulwe ngoonomahlathi (rangers) beArhente yeMiyezo nezoKhenketho yaseMpuma Koloni (EC Parks and Tourism Agency), kuba etyholwa ngokuloba ngokungekho semthethweni iimbaza kunxweme olukumyezo wezendalo karhulumente iDwesa-Cwebe. Lo mlobi ugqibe inyanga esibhedlele eGcuwa kwaye nangona nje sele ekhutshiwe kodwa kusenzima ngokwempilo kuye.

Utata kaYandisa, uAmos Tandanisa, uthi unyana wakhe usamane elahlekelwa ziinkumbulo. “Xa uthetha naye uvele umbone sele ethule ethe cwaka, futhi nomzimba wakhe usecekeceke,” utshilo uAmos, ekwathi akayazi into yokuba kwakutheni oonomahlathi beECPTA bakhethe ukumdubula endaweni yokumbamba xa bemrhanela.

“Imeko yakhe imbi kakhulu, oko kusenziwa nangokunqongophala kwemali ukuze simse kwiindawo ezinonyango olungcono. Ebekhe wathathwa ngomnye umfo beyosebenza kodwa ukhawuleze wabuya kuba kubonakala ukuba akakwazi kusebenza. Nokuba sele umthumile endaweni, uyalibala ukuba uyaphi,” utshilo uAmos.

UNtsindiso Nongcavu ongusihlalo wephondo kwiCoastal Links in South Africa, uthi oku akubaphathi kakuhle bengabalobi abasakhasayo.

“Sifumana izigrogriso kumagosa akwaECPTA. Siyabanjwa sinikwe imidliwo, abanye bethu bavalelwe kube bengenayo imidliwo. Xa sizama ukulandela ukuba buphi ubungqina bokuba ugxa wethu ebeyokuloba iimbaza. Ugxa wethu uye wayokulala esibhedlele, into engangenyanga,” kutsho uNongcavu.

UNongcavu uthi balivulile ityala ngakumagosa e-ECPTA kodwa ababoni nto ehambela phambili.

“Ngokwesi siganeko thina sizibona sishiywe emva ngurhulumente. Kudala sibhalela abasemagunyeni, kuba nathi siyayifuna indlela yokusebenza ngcono siluluntu oluhlala emanxwemeni. Ingxaki urhulumente akahlangabezani nathi,” utshilo uNongcavu.

Kwimbalelwano yenyanga ephelileyo, isebe lezeNdalo, amaHlathi nezokuLoba lidize ukuba likhuphe amalungelo okuloba kookopolotyeni babalobi abasakhasayo baseMpuma Koloni abangamashumi amabini abanamalungu angama-1 591.

Aba balobi banamalungelo okuloba iintlanzi zohlobo lweSquid, Hake Handline, Traditional Line Fish, East Coast Rock Lobster kwaneembaza.

Isebe lithi eMpuma Koloni luluntu oluhlala kumanxweme olumalunga nekhulu elinamashumi amathathu anesibini obelufake izicelo zokuloba, logama lungamashumi asixhenxe anesibhozo kuphela oluthe lanikwa amalungelo.

Othethela iECPTA uOyanga Ngalika ebengekathumeli iimpendulo ngethuba sipapasha eli nqaku izolo. Oku kwenzeka nangona nje ebethembisile ukuba uza kuthumela iimpendulo phambi komkhono emva kwentsimbi yesine (16h15) izolo.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za