Bakhala ngendlala abasebenzi bakaSasol Garage waseGcuwa!

Igaraji yakwaSasol eseGcuwa. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

Imbi imeko yabasebenzi begaraji yakwaSasol, eGcuwa. Njengokuba kuphela inyanga, bona banexhala lokungamkeli imivuzo yabo kwakhona emva kwethuba bengayifumani. Oku bakuveze kumaphekepheke amakholibhothi abe bewathe qhiwu ngasendleli engena edolophini yaseGcuwa emini izilo (ngoLwesithathu) ngethuba beqhankqalazela ukungayinikwa imivuzo yabo ngumphathi wabo. Ingxelo efike kweli pheli phephandaba ithi abasebenzi banexesha elide bengayinikwa imivuzo. Abasemfuthweni wolwazi bathi umphathi kaSasol uthe imali baya kuyifumana mhla kwathengwa igaraji, okwangoku imali yabo ayikho.

Njengokuba bengapeyiswa ngumnikazi wegaraji, okubi kukuba kuthiwa mabaphangele njengesiqhelo. Kanti ingxelo ithi akuphelelanga apho, imali yeebhonasi nenye ekufanele bayifumane xa bephangele ngeeholide abayifumananga ukusukela kunyaka ophelileyo. “Sikhe sayokuzijonga kwaMIBCO ekungcinwa kuyo imali etsalwa kubasebenzi abasebenza ezigaraji. Phaya kuthiwe imali yethu isemva ngeenyanga ezisibhozo zonke. Umphathi wethu uthe bekunganyanzelekanga asazise ukuba imali yethu akayibhatalanga kwaMIBCO nakwi-UIF ixesha elide,” utshilo ohlebele I’solezwe.

“Silambile. Asinayo imali yokuthenga ukutya, eyokubhatala izindlu esihlala kuzo kwaye siza kucinywa nakwii-inshorensi ngoku ngoba asikwazi ukuzibhatala,” utshilo osemfuthweni wolwazi. Akukacaci kakuhle ukuba baya kubhatalwa nini na abasebenzi ngumnikazi wegaraji ekuthiwa uthe naye akanayo imali. Intatheli yeli phephanda iyile kubaphathi begaraji ngeliya kuva elabo icala – kodwa bakhethe ukungaphenduli namnye umbuzo ngemali yabasebenzi abalambileyo abangenayo nemali yokuzithengela ukutya.

UMnu. Filitane uthe abazukwazi ukuthetha namajelo eendaba ngoba ngumba ophakathi kwabo nabasebenzi, into abaza kuyenza kukuthetha nombutho wabasebenzi abaqhankqalaze ilanga lonke langoLwesithathu (izolo). “Ingaba baze kuwe kuba ungeza nesisombululo?” ubuzile uMnu. Filitane ongakungqinanga obekukhalelwa ngabasebenzi endleleni enqumla ngakwigaraji yakwaSasol. “Siza kuthetha nombutho wabasebenzi ngale nto yenzeka apha phandle. Asikwazi ukuthetha namajelo eendaba ngento yangaphakathi,” utshilo uMnu. Filitane efowunini ephathwayo. Ziiveki eziliqela ngoku engasathengiswa amafutha eemoto kuSasol waseGcuwa – kodwa abasebenzi bayabonakala.