Bakhala ngentswela nkathalo kwikliniki eseNdlovini ePort Alfred

“Xa usiya ekliniki uya uqinisekile ukuba kulapho uzakufumana khona uncedo, kodwa akunjalo kule yethu,” utsho uNandipha Khuselo nongumhlali waseNdlovini ePort Alfred.


Lo kaKhuselo uvakalise ukuba ikliniki yabo iPA-L1 kliniki ayinankathalo ngakwizigulane, ezifuna uncedo kuyo. Uqhube wathi,”Abasebenzi bala kliniki abanankathalo kwaye bahla benyuka endaweni yokuba bancede abantu abangaphilanga abazokufuna uncedo.”

Ukwavakalise ukuba ngamanye amaxesha bayakwazi ukujikiswa bengafumananga mayeza kwaye balindiswa ixesha elide ngaphambi kokuba bafumane uncedo. 

Omnye wabahlali bale ndawo uvakalise ukuba wayeka kudala ukusebenzisa lekliniki kuba abasebenzi kwangenxa yaba basebenzi bangenankathalo, abangawezi kakukhle umsebenzi wabo. 

Ukwaveze ukuba abantu abahambela kule kliniki bayakwazi ukufika ekuseni, bahlale kude kubesemini bengafumanani ncedo nokwenza ukuba uninzi lubuyele emakhaya lungancedwanga. 

Uqhube wathi,”Abantu bafika ngentsimbi yesihlanu ekuseni kude kuyokubetha intsimbi yokuqala bengekancedwa,yilo nto eyandenza ndayeka ukusebenzisa le kliniki.” Nalapho athe wabona ukuba angafela kuyo kuba uyakwazi ukuthi ugula kodwa uxelelwe ukuba buya ngosuku olulandelayo uzokulanda amayeza.

Noxa kunjalo uMasipala iMakana uyaziphika ezi zityholo. UZoleka Menziwa ongumaneja kwiSub District eMakana, uthe akukho bunyani kwizityholo zokuba azikhathalelwanga izigulane kule kliniki.
Uqhube wathi,”Ingxaki esijongene nayo kukuba abantu bafika ngentsimbi yesihlanu ekuseni kuba befuna ukuba ngabokuqala xa sele ivulwa ikliniki.” Watsho esithi lekliniki ivulwa ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe, ivalwe ngentsimbi yesine.
Ukwathe le kliniki inamayeza ngokwaneleyo, abantu abajikiswa benganikwanga ncedo. Ucacise wathi “Njengokuba abantu befika ngezithuba zentsimbi yesihlanu kuye kubenzima kubo ukuba bahlale balinde amayeza,kulapho baye bawashiye bona babuye ngosuku olulandealyo ukuzowathatha.” 
Wenze isicelo sokuba abantu baphume ezindlini xa sele ivuliwe ikliniki khon’ukuze bezokwazi ukulinda.