Bakhalazela umgangatho weBuffalo City College

“SIGQIBE kwelokuba siqhube uqhankqalazo kuba iindawo esihlala kuzo ayizondawo ezifanele ukuhlala abantu!” Lawo ngamazwi omfundi kwikholeji yezakhono yaseBuffalo City.

Lo mfundi ungazichazanga igama ngoloyiko lokuba lixhoba uthathe iintatheli zeli phephandaba I’solezwe lesiXhosa ukuba zizibonele ngawazo imeko yesakhiwo iMC Janet House ehlala abafundi beli ziko.

Iindonga zesi sakhiwo kubonakala ukuba zagqityelwa kudala ukupeyintwa, izindlu zangasese zonakele azilungiswa, iingcango zezindle zezizindlu nazo zidinga ukulungiswa, kwakunye neendawo abahlambela kuzo abafundi. Amaplanga ekondlalelwe ngawo umgangatho aqhekekile, nangaphakathi kwizindlu zabafundi.

Omnye waba bafundi usifake kwigumbi abahlala kulo bebabini, nabaphekela kwakulo.

Uthe, “Asinalo nekhitshi apha, siphekela kwakule ndawo silala kwakuyo.” Abafundi bakwakhalazele iibhedi abazisebenzisayo, ezinoomatrasi abagugileyo.

Omnye wabafundi ozichaze ngelithi unguNohlanga Dukuza uthe, “Imali yethu iyatyiwa kule kholeji, kuthwa awufumani mali ukuba awungenanga kumagumbi okufundela ukuba awumenzanga u80 pesente wexesha lokufunda. Abanye bethu bamenzile lo 80 pesente kodwa asifumani mali, kodwa ifunyanwa ngabangamenzanga.”

Uqhube wathi, “Sifuna imali yokuzihlalela, kwakunye neyokukhwela.” Amapolisa aye abachithachitha aba bafundi, uninzi lwabo bebebuthelene kwizakhiwo zabafundi beyunivesithi yaseWalter Sisulu esiseSouthernwood eMonti.

UMarlene Erasmus ongumhlali kufutshane nale kholeji uthe, “Amapolisa enze umsebenzi omhle kakhulu, abachithachitha aba bafundi phambi kokuba badale umonakalo, ngelinye ixesha siyawulibala umsebenzi wawo, sigxeke kuphela xa enze impazamo.”

Amapolisa ebengekaqiniseki ngenani labafundi abathe babanjwa kolu qhankqalazo.