Bakhalazela uRweqana abaphulaphuli

Bayakhala abaphulaphuli boMhlobo Wenene ngendlela abaphethwe ngayo ngumsasazi oligqala lela ziko, uMfundisi Nomathamsanqa Rweqana kwinkqubo yakhe engena ngoqhiza ngeentsuku zeveki.

URweqana wenza inkqubo ethi “Ndingu Yehova, iGqirha lakho”. Kule nkqubo kulapho lo msasazi afumana khona iingxaki zabantu abafuna uncedo.

Lo msasazi wodumo utyholwa ngokuba ukrwada kakhulu xa ethetha nabaphulaphuli beli ziko besondeza iingxaki zabo ngeenjongo zokufumana amacebo.

Umphulaphuli wale nkqubo uNtsikilelo Blouw ubhale kuFacebook kutshanje esithi: “Hayi ndicela ukubuza lo mama uRweqana xa esithi umntu uthetha ‘uvobe’ akamthuki okanye ndim lo ungqwabalala ngakuye?”

Emva kwalo mbhalo, abaphulaphuli baye baveza izimvo zabo ngalo mfundisi. Intsusa kukuba kukho sisi othile onengxaki otsalele umnxeba kwinkqubo kaRweqana.

Emva kwalo mnxeba, uRweqana ubuze lo sisi ukuba uyile na ekliniki. Uthe xa esithi lo sisi akayanga ekliniki, uRweqana wathi lo sisi uthetha “uvobe”.

Nazi izimvo zabaphulaphuli boMhlobo Wenene FM kuFacebook

Nkosibonile Challot: “Hayi kwayena ukrwada la mama uba niyamqaphela.”

Vuyokazi Leletu Sigqikini: “Bekutheni kanti ebenzeni loo sisi, ingxaki ndothuka sekufona lo tata ebethetha ngeemoto zakhe?”

Ntsikelelo Blouw: Ndiyamqaphela indlela le athetha ngayo ayindixolisi tu lo mama. Vuvu uyabuza umama Rweqana ukuba uyile na eclinic, lo sisi yena athi hayi wathi sukuthetha uvobe.”

Bonga Shusha Guga: “Le nto ineclinic nomthuko phakathi kawucacise Ntsikelelo kwenzekani khasive kaloku thina singabanye.”

Thobelani Nongalo: “Hleli lo mama ekrwada kudala mna ndamqaphela. Andiyimameli kwale nkqubo yakhe, uyadikwa ngabantu.”

Nkosinathi Tobindlala: “Uguga kakubi la mama andazi kutheni bangamsusi kuba uneemini zokuthuka abantu.”

Serco Yakhe Yanhle: “Uyadelela kwayena la mama.”

Khayakazi Gongqa: “Bendicinga ndim ndodwa lo omqaphelayo ukuba uyadikwa.”

Vuyokazi Leletu Sigqikini: “Hayi ayikokuguga kukusa, nanku umakaMa-Asi sozumve ethuka bantu kodw’gugile….ngumnt’otheni yena lo ungafuni kubuliswa avele athi, thetha mama.”

Sivenathi Somahhashi Ngwenyama: Lol uyatsho nje ukuba ixesha lincinci kwaye ke ubulisa xe engena yena uba ukhe umve xa esithi nqo nqo ndikwakho.”

Chwaa Chwash Velem: “Andiyimameli inkqubo yakhe kuba ndiva kabuhlungu xa ephoxa abantu.”

Akhona Sbusiso Makubalo: “Ndakhe ndamva mna ephoxa omnye umama, ndayeka ngoko ukumamela inkqubo yakhe.”

Ukanti umanejala woMhlobo Wenene uPhumzile Mnci uthi, bayaxolisa ngesi siganeko kuba abaphulaphuli babalulekile.

“Sixolisa kubaphulaphuli abathe bachaphazeleka kwesi siganeko, sizakwenza okwethu ukusukela ngoku ukuze sazi banzi ngale ngxaki,” uthethe watsho uMnci.

Lo kaMnci uthi, abaphulaphuli abakhalazanga kubo, kodwa bona bazakwenza uphando bekhangela ubunzulu bengxaki.

“Uyakukhumbula ukuba inkqubo le sithetha ngayo iqhubeka ekuseni kakhulu, ngoko ke lincinci ixesha lethu lokumamela le nkqubo, ndizakuzinika ithuba lokuba ndiphulaphule iinkqubo zakhe,” ucacise watsho uMnci. Ukuba kukho into egwenxa ngosasazo lukaRweqana bazakunyanzeleka ukuba bahlale naye phantsi ngezi zikhalazo.

“Abaphulaphuli abanakukhalaza ngento engekhoyo, kuthi babaluleke kakhulu ngenxa yenkxaso yabo,” utshilo uMnci.

Ngethuba sithetha noRweqana, uthe usaxakekile waze wasinika ixesha emasimtsalele ngalo.

Sithe xa simtsalela ngexesha ebelibekile, umnxeba wakhala wodwa.

siyabulela.mqikela@inl.co.za