Bakhanywe, bahlawula oosomashishini eEnoch Mgijima

Umasipala waseEnoch Mgijima uqalile ukuhlawula ityala lakhe lombane kwinkampani edidiyela umbane kweli iEskom emva kokujijisana engakwazi kuhlawula.

Ingxelo ithi yimali ekwishumi elinesithandathu lezigidi zeerandi (R16 million) ethe yahlawulwa ngulo masipala emva kokuba bethe benza iinguqu ezithile.

Othethe egameni lalo masipala uFundile Feketshane, uthi banyanzeleke ukuba baqinise iintambo ngokukodwa koosomashishini abebenamatyala ombane ukuze iphume imali yakwaEskom.

“Siye sacima umbane ingakumbi kwabezoshishino abebenamatyala ombane ngeenjongo zokuba bahlawule amatyala abo ombane, singatsho ke ukuba lisebenzile elo cebo kuba iphumile imali yokuqala kwaEskom,” uthethe watsho uFeketshane.

Uthi bazimisele ukuhlawula lonke ityala abanalo kwinkampani yakwaEskom.

Yimali ekumashumi amane anesihlanu ezigidi zeerandi ebilityala lalo masipala kwinkampani yakwaEskom.

“Sinethemba lokuba siza kuyihlawula imali eshiyekileyo ingaphelanga inyanga yeSilimela kulo nyaka, ngenxa yokuqinisa amacebo okungena kwemali kumasipala waseEnoch Mgijima,” utshilo uFeketshane.

Ngenxa yeli tyala, babetheke kakhulu oosomashishini abaninzi ingakumbi kwidolophu yaseKomani. UShain Russell womzi ogcina izidumbu eKomani uyacacisa.

“Siqesha ijanareytha ngemali, sihamba imigama eyongezelelekileyo ngenxa yoku, sigcina imizimba ngemali, sithenga idizili egqithisileyo ngenxa yale meko yombane, asinatyala sonke kuEskom,” kutsho uRussell.

Oyinkokheli yeBorder Chamber of Commerce eKomani uAdri Burtis, uthi kuyabavuyisa ukuva iindaba zokuba liyahlawulwa eli tyala.

“Siyavuya kakhulu xa umasipala eqalile ukwenza intlawulo, lo nto ithetha ukuba siza kuqhuba ushishino lwethu ngaphandle kwengxaki,” utshilo uBurtis. Ukuqhawuka kombane bekwenze ukuba bube krakra ubuhlobo phakathi komasipala, abahlali baseEnoch Mgijima noosomashishini ngokubanzi.

UNocawe Sawule ngumnikazi wenkampani iAbaveleli egcina imizimba yabantu abangasekhoyo.

“Ngenxa yombane besinyanzeleka ukuba sithumele imizimba yethu kwezinye iindawo zokugcina imizimba. Silahlekelwa kakhulu yimali ngenxa yombane. Asinazo nejanareyitha zokwenza oku.”

Isithethi seEskom eMpuma Koloni uZama Mpondwana, uqinisekise ukuba awusenakuqhawuka kwakho umbane kumasipala waseEnoch Mgijima.

“Bekumele ukuba siwucimile umbane kumasipala waseEnoch Mgijima ngomhla wesithathu kule nyanga, kodwa ngenxa yokuba bahlawule isixamali esithile, kwaye bathembisa ngokugqibezela kwamsinyane,” utshilo uMpondwana.

UFeketshane uthi bayaqhuba nephulo lokubuyisa isidima somasipala waseEnoch Mgijima.

“Siqeshe umlawuli wezimali, siza kuqhubeka namacebo okunyanzelisa bonke abo basityala imali ukuba bahlawule amatyala abo, kuquka noluntu ngokubanzi,” utshilo uFeketshane.

Lo masipala uphantsi kolawulo losodolophu omtsha uSisisi Tolashe.

siyabulela.mqikela@inl.co.za