Bakhululekile kwilindle

Emva kokuhlala ixesha elingaphezulu kweenyanga ezintathu benukiselwa lilindle ebelinuka emanzini ebephuma kule renki yasePort Alfred, bade bakhululeka kulo ngxaki nanjengoko sele beyilungiselwe.

Abanikazi beetekisi, abaqhubi kunye nabantu abathengisa kwirenki yasePort Alfred babulela uncedo abalufumeneyo emva kokuba kupapashwe ibali lemeko ebebephangela phantsi kwayo kweli phephandaba. Bakwavakalise ukuba bebesele belahle ithemba lokuba bayakuze balufumane uncedo.

USipho Ngawulana nongomnye wabanikazi beetekisi, uthe emva kokuba bethethe neSolezwe abasebenzi bakwamasipala waseNdlambe baye bafika bazoyilungisa le ngxaki.

Uqhube wathi, “Ngethuba kukhona amanzi anuka ilindle apha bekunzima nokuba sitye, kodwa siyakwazi ukwenza oko ngaphandle kokuba nexhala lokuba sizakuthi ngoku sityayo sibe sinukiselwa lilindle.”

Nalapho athe bebekhathazeke nangakumbi kuba ibibasebenzisa kakubi le ngxaki.

Omnye wabaqhubi beetekisi uthe kungangcono ukuba lo masipala enokukhawuleza asabele xa ebiziwe endaweni, ingakumbi kwinto efaka abahlali emngciphekweni kuba ukuphefumla ilindle yonke imihla asiyonto ilungileyo nanjengoko ingakhokela ekuguleni kwabantu.

Uqhube wathi, “Besele ndayeka ukutyela apha kuba ibibangathi ungaphakathi kwindlu yangasese.”

Nabo bathengisa ukutya kule renki bathe, nangona izinto zingekabuyeli esiqhelweni kodwa ukhona umohluko oko ithe yalungiswa le ngxaki yala manzi anuka ilindle. Baqhube bathi, “Noko izinto ziyaqala ukulunga kuba nabantu bayeza ukuzothenga, nto leyo ebebesele beyiyekile.

“Batsho besithi bayathemba ukuba ingxaki efana nale ayizophinda yenzeke kuba balahlekelwe yimali kumashishini abo. Amanzi ebenuka ilindle nebegcwalise kule renki bekukholelwa ukuba enziwa ngumbhobho ohambisa ilindle, nothi endaweni yokuba ulise apho liya khona ulikhuphele kule renki.

Isithethi sikamasipala waseNdlambe uKhululekile Mbolekwa, uthe ihlala ingumsebenzi wabo ukunceda abantu kuba baqeshelwe ukwenza lo nto, nangona ngamanye amaxesha kuthatha ithutyana ukulungisa iingxaki. “Umsebenzi wethu kukunceda abantu bethu kwaye sizakuqhubeka sikwenza oko.”

Watsho esithi bafumanise ukuba kukhona izinto ebezivale umbhobho ekwenzeni umsebenzi kakuhle, nebezidalwa zizinto ebezifakwe phakathi kuwo, kwaye bakholelwa ukuba bezifakwa zivenkile ezikufutshane nale renki.

“Ininzi into efumaneke kula mbhobho nanjengoko kufumaneke namalaphu, amakhalibhothi nezinye izinto ebekungafanelanga ukuba ziphayana,” uqhube watsho.