Bakhululwe ngebheyile oomatshonisa baseMthatha

Limiselwe umhla wesithandathu kweyoKwindla ityala
loo matshonisa abane baseMthatha ebebebanjwe ngamapolisa embindini wala dolophu
ngoMvulo weveki ephelileyo. La manina abanjwa ephethe inqwaba yamakhadi okwamkela
isibonelelo sikarhulumente kunye nesixa mali esilinganiselwa kwi-R7650.

Amapolisa ababamba ngethuba bekhupha imali ngobusuku
kumtshini webhanki ngamakhadi akwaSASSA ekukholeleka ukuba ngawabantu ababoleke
imali kubo.


Abarhanelwa bachazwe njengabasebenzi benkampani ebolekisa ngemali iVela Cash
Loans, kwaye  bajongene namatyala
okubolekisa ngemali ngokungekho mthethweni. 
Bakwiminyaka ephakathi kwamashumi amabini anesihlanu ukuya kumashumi amahlanu
anesibini.

Bavele enkundleni yamatyala namhlanje, nalapho
banikwe ibheyile ye-R1500 emnye kubo, bengabuzwanga nokuba bayalivuma kusini na
ityala.

Umtshutshisi wetyala uLuyanda Mtengwane uxelele
inkundla ukuba umbuso uthathe isigqibo sokungasichasi isicelo sebheyile kwaye
iidilesi zabo sele ziqinisekisiwe. 

Uthe akukho mathuba abonakala ngathi
abarhanelwa bangalibaleka eli tyala, emva koko wacela inkundla ukuba ibakhuphe ngebheyile
yeR5000 emnye kubo.

Noxa kunjalo igqwetha labarhanelwa uThobani Nowa lasiphikisa isicelo sombuso  ngelithi, “Ndiyothuka sisicelo sombuso kuba ityala labarhanelwa
likwinqanaba lokuqala kuluhlu kodwa umbuso ufuna ibheyile ephezulu. Ndicela
inkundla ehloniphekileyo ibakhulule ngemali ephantsi.”

UMantyi ochophele eli tyala uMac Pauzi uvakalise
isigqibo sebheyile ngakubarhanelwa emva kokumamela iziphakamiso kumacala
omabini.

Uphando lwamapolisa luyaqhuba kwaye amaspolisa akwiphulo lokufumana abanini bala makhadi.