Bakhululwe ngesilumkiso kwizityholo zokubhunyula iR37 million eMnquma

IBUTHO eliphanda ngamatyala anobuzaza ooKhetshe (Hawks) libambe amagosa alishumi elinesibini, emva kwezityholo zokubandakanyeka ekubiweni kwemali ekwizigidi ezingamashumi amathathu anesixhenxe zeerandi kumasipala waseMnquma.


Ngentseni yangoLwesibini, iiHawks zibambe la magosa, kulandela uphando oluthabathe ixesha elide, nobeluqwalasele unaniselwano ngeziniki-maxabiso (tender), kwabe kutyeshelwe imithetho elawula ukuphathwa kwemali karhulumente kulo masipala.

Isithethi seeHawks eMpuma Koloni uKapteni Anelisa Feni uthi obu bututu benzeke phakathi konyaka ka2014 no2016. 

“Kutyholeka ukuba batyeshele imiqathango esetyenziswayo xa kukhutshwa iziniki-maxabiso. Aba babanjiweyo bebekwiikomiti zokukhupha iziniki-maxabiso, kwaye le mali (R37 million) bayinike ngondlela-mnyama iinkampani ezintathu,” utshilo uFeni.

Abo babanjiweyo bakhululwe ngesilumkiso emva kokuvela kwinkundla kamantyi eGcuwa. Bakuvela kwakhona kule nkundla ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwekaCanzibe.

Amagama abo nguLuleka Nonyongo (39), Sakhumzi Madubela (38), Lusindiso Patric Boya (42), Amanda Ntamo (35), Grace Tasana (66), Ivy Sikhulu (46), Kulile Clock (43), Lubabalo Manjingolo (30), Viwe Phindile Madolo (44), Primrose Vuyokazi Gonya (43), Dunyiswa Olga Mrwetyana (34) kwanoZonwabele Plata (63).