Bakhumbula uNjingalwazi Satyo kwinkcubeko nasekhayeni

ABANTWANA bakaNjingalwazi Sizwe Churchill Satyo bamchaze utata wabo njengomntu obekhuthaza ukukokoswa kwamasiko, izithethe nemvelaphi, nokuba ubani ungqongwe yintlalo engadibaniyo nemvelaphi yakhe.

UNjingalwazi Satyo (72) usweleke ngomhla wamashumi amathathu kweyoKwindla. NgoLwesibini wale veki ibiyinkonzo yokugxwala emswaneni kwanokukhumbula igalelo lalo makhwekhwetha woluncwadi lwesiXhosa.

Abantwana balo njingalwazi, uPhumeza noNombasa, bamchaze utata wabo njengomntu obekhuthaza ukuba nokuba ubani angangqongwa yinkcubeko nezinto zaseNtshona, kodwa angaze alibale ngeyakhe inkcubeko.

“Ukukhula kwethu, utata wasithumela kwizikolo ezineenkcubeko ezahlukeneyo. Injongo yayikukuba sifumane imfundo esemgangathweni. Kodwa wayigxininisa eyokuba ukusithumela kwakhe kwizikolo ezineenkcubeko, akuthethi ukuba masitshabalalise imvelaphi yethu,” utshilo uPhumeza Satyo.

Yena uNombasa uthe: “Utata bendimbiza uYihlo, yena endibiza uMkhwanazi kuba ngokuya ndandimncinci kwakukho ela bali lalibizwa uMkhwanazi waseMgungundlovu, ngoko ke ngoku waqala wapho ukundibiza uMkhwanazi.”

“UYihlo ebengengotata nje, koko umhlobo. Kuthi sonke bantwana bakhe, uYihlo ebenendlela yokuthetha nathi ngokohlukana kwethu. Xa eyosikhwelisa kwisikhululo seenqwelomoya ebeye asilumkise ukuba singagili amaqatha wabelungu kuba yena akafuni kuxoxa matyala wamaqatha adumbileyo wabelungu. Xa sikwisikhululo seenqwelomoya bendiye ndigade loo maqatha wabelungu ke singawagili,” kutsho uNombasa Satyo.

UNjingalwazi Satyo wazalelwa eBangindlala eCacadu (Lady Frere). Amabanga aphantsi uwenze eMount Arthur Primary apho eCacadu, ze aphezulu wawenzela eFreemantle High apho waphumelela khona ibanga leshumi ngo1967.

Emva koko uye kwaNokholeji eFort Hare wenza khona isidanga seBA asiphumelele ngo1970 egxile kwisiXhosa nesiNgesi. Ufumene neUniversity Education Diploma ngo1971 ze ngo1973 waphumelela isidanga neBA Honours kwiilwimi zaseAfrika.

Ngo1977 waphumelela isidanga seeMasters eUnisa ze ngo1986 waphumelela isidanga sobuGqirhalwazi (PhD) iD.Litt (African Languages and Linguistics) eUnisa.

Usebenze efundisa isiXhosa nesiNgesi eHealdtown High eBhofolo ngo1972 naseLovedale Training College ngo1973.

Ngo1974 ukuya ku1986 wayesebenza kwicandelo leelwimi zaseAfrika eUnisa. Ngo1988 waya kwiYunivesithi yaseKapa (UCT), enguNjingalwazi neNtloko yeeLwimi zaseAfrika.

Ukwasebenzile nakwibhodi yeemviwo zephandle ebelifudula lisaziwa njengeTranskei

Iincwadi azibhalileyo ziquka leyo ithi Uphengululo LwesiXhosa, Etshatile Engatshatanga, Igrama Noncwadi LwesiXhosa kwanaleyo ehlanganyelweyo ethi Sasinoncwadi Kwatanci.

UNjingalwazi Satyo, oza kungcwatya ngoLwesihlanu (09 Tshazimpuzi), ushiya ngasemva inkosikazi yakhe uPhumla Pamela Satyo awatshata naye ngo1975 kwakunye nabantwana abathathu, uPhumeza, Nombasa kwakunye noMangaliso kuquka nabazukulwana kwakunye nezalamane. Phumla ngoxolo Gatyeni!