Eli xesha lonyaka lihlala lixakekile ngabantu abazama ukwamkelwa kumaziko emfundo ephakamileyo ukuze baqhubele phambili nezifundo zabo. Abanye ababelindele ukubangabafundi baye baphoxeka emva kokuba bamkelwe, baza bahlawula intlawulo yokuqala eyiR4600 kodwa abathathwa ngoba kuthiwa zigcwele ezi zifundo bebethathwe kuzo.
Oku kwenzeke kwiYunivesithi iWalter Sisulu (WSU), kuthe kusenzeka nje, kwagcwala kumaqonga onxibelelwano abantu besabelana ngonxunguphalo lwabo, becela ukubuyiselwa imali.
Omnye wabantu abakule meko, nowaziwa leli phephandaba, udize kwiSolezwe lesiXhosa ukuba uye wafaka isicelo eWSU kunyaka ophelileyo nalapho ngomhla wesithathu kweyoMdumba wafumana i-imeyile evuma ukuba abhalisele ukwenza iDiploma yobuPolisa kwikhampasi yaseBuffalo City eMonti.
“Kwafuneka ndihlawule iR4600 xa ndandizama ukubhalisa. Ndibhatale kuba bendifuna ukuqinisekisa indawo yam. Isifundo eso kwathiwa sigcwele xa ndandibhalisa. Ndiye ndafowunela inombolo ebendicetyiswa ukuba ndiyifowunele ukuze ndibuyiselwe imali yam, kodwa akukho mntu uphendule iminxeba.
“Xa ndandicela uncedo, ndaxelelwa ukuba ngenxa yokuba iikhosi zazizele, akukho nto banokuyenza ngaphandle kokucebisa ukuba ndifake isicelo sokubuyiselwa imali. Nangona ndashiya imiyalezo, abakandiphenduli,” utshilo.
Umenzisicelo udize ukuba esajongene noku, wafumana i-imeyile yesibini evela eWSU imxelela ukuba wamkelwe ukuba afundele inkqubo eyahlukileyo awayefake kuyo isicelo, iDiploma yeTourism Management, ngoLwesihlanu umhla weshumi kweyoMdumba. Wagqiba ekubeni abhalise ngokukhawuleza kuba wayesele eyihlawule imali efunekayo, kodwa akazange akwazi ukufumana indawo ngoba kwakusithiwa ikhosi igcwele.
Uxelele eli phephandaba ukuba emva kweminyaka emibini ezama ukungena eyunivesithi, kwanyanzeleka ukuba athathe imalimboleko ukuqinisekisa ukuba uyayibhatala la R4600 ukuze akwazi ukufunda kulo nyaka. Idolophu azalelwa kuyo iseMthatha, nangona kunjalo ngoku uhlala eGcuwa apho aphangela khona ngamaxesha athile. Uligqibe ibanga leshumi ngo2020.
Uthe abazali bakhe abafundanga, kodwa babevuya kuba eye wamkelwa ukuba afunde eyunivesithi. Sithetha nje usentlungwini yokuhlawula imalimboleko yemali angazange ayisebenzise.
I’solezwe lesiXhosa liqhagamshelene nale yunivesithi libuza ukuba bajonge ukuyilungisa njani le ngxaki. Ngokutsho kwesithethi saseWSU, uYonela Tukwayo, ukwamkelwa kwabafundi ngokugqithisileyo yinto eqhelekileyo kwiiyunivesithi ezininzi kuba asingabo bonke abafundi abamkelweyo abaza kubhalisa.
“Umfundi owamkelweyo eWSU nakwenye iyunivesithi angagqiba ekubeni alandule ukufunda eWSU athathe enye. I-WSU kufuneka iqinisekise ukuba kukho abafundi abanokubhalisa ukuze ikwazi ukuhlangabezana nenani elifunekayo labafundi ukunqanda izohlwayo zemali ngenxa yokungabhaliswa ngokwaneleyo. Amanye amashishini asebenzisa inkqubo efanayo yoshishino efana neshishini leenqwelomoya,” utshilo uTukwayo.
UTukwayo uqinisekisile ukuba abo baza kuba ngabafundi baza kufumana imbuyekezo okanye basasazwe kwiinkqubo ezahlukeneyo.
“NgoLwesihlanu, umhla weshumi kweyoMdumba, besinabafundi abangamashumi asibhozo anesibhozo (88) abahlawule imali yokubhalisa kodwa abakwazanga ukubhalisa, silindele ukuba eli nani lehle kakhulu kule veki njengoko sibonelela abo bafundi ngezinye iinkqubo abanokuzibhalisela.
“Abo bakhetha ukungabhalisi kwiinkqubo ezizezinye abazinikwayo baya kubuyiselwa iimali zabo,” utshilo.
Kuwo wonke umntu oye wazama ukunxibelelana neyunivesithi ukubuza ngembuyekezo, uTukwayo uthe iziko lomnxeba lisebenza ngokupheleleyo, kodwa ngenxa yokunyuka kweminxeba ngexesha lokubhalisa, ukuphendula iifowuni kuthatha ixesha elide.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike