Bakhuphele umsindo kumahashe omdyarho, babulala elinye!

Amapolisa aphanda ityala lokungena kwindawo yomniniwo ngaphandle kwemvume kuquka noburhalarhume ngakwizilwanyana emva kokuba iqela labahlali bamatyotyombe aseFairview, eBhayi, limbonzeleke kwisitali samahashe omdyarho savulela ezo nkabankaba zamahashe aphaliswayo ngenxa yengqumbo ngakomnye wabanini bala mahashe.

Isithethi samapolisa uKapteni Priscilla Naidu uthi amahashe angamashumi amabini anesibhozo athe avulelwa leli qela labahlali, ze kwahlatywa elinye lawo labulawa ngentseni yangoLwesine.

Oku kukholeleka ukuba kudalwe yingqumbo yomnye wabasebenzi besi sitali saseFairview, obegxothwe ekuqaleni kwalo nyaka. Lo msebenzi wagxothwa ngenxa yezityholo zokuhlaba elinye lamahashe.

UNaidu uthi amahashe abevulelwe afunyenwe onke kwaye afumana unyango. Amapolisa ogcinocwangco aza kuqhuba ehlola le ndawo, utshilo uNaidu.