Bakhuthaza ubhaliso lovoto eNgcobo

Iqumrhu lolutsha elingajonganga nzuzo iMayihlome Liyanda kwidolophu yaseNgcobo, liququzelele ulutsha ukuba luzibandakanye novoto.

Le mpelaveki lithuba lokugqibela ukubhalisela ulonyulo loorhulumente basemakhaya oluzakubanjwa ngomhla wesithathu kwinyanga ka-Agasti, iMayihlome ithi ixhalabile kukubona ukuba ulutsha alubonakalisi mdla ungako ekonyulweni kweenkokheli zokuhlala.

Usihlalo weli qumrhu uAmanda Hlekiso uthi mhlawumbi lo mdla ungekhoyo wenziwa lulwazi oluncinane ngemvelaphi yenkululeko yeli lizwe kunye nokubaluleka kokusebenzisa amalungelo ngendlela eyiyo.

Ukuzama ukunika olu lwazi, eli qumrhu libambe imfundiso ngembali yeli lizwe kugxilwe kumaqhawe ancama ubomi bawo ukuze eli lizwe likhuleke.

UXola Nqola owenza izifundo zobugqwetha othe wanika imfundiso ngembali, uthi ulutsha maluyiqonde into yokuba balikamva leli lizwe.

‘’Elona lungelo lakhe leza nzima kweli lizwe lelokuzikhethela inkokheli, xa uvota uvotela utshintsho kwisizwe siphela. Ngubani owakhe wacinga ukuba umntwana waseQunu (Mandela) okanye owaseQutubeni (Sisulu) angaba yinkokheli edume umhlaba wonke, xa ungumntwana omnyama uhleli ungasebenzisi ilungelo lakho kungenzeka ukuba ucinezele inkokheli engaphakathi kuwe,’’ utsho uNqola.

Abafundi besikolo samabanga aphakamileyo iNgcobo Village bayamkele ngomdla omkhulu le mfundiso.

Umfundi webanga lesibhozo uIndiphile Mgudlwa uthi ubecinga ukuba uvoto yinto yabantu abathile abacinga ngendlela eyohlukileyo namhlanje uyazi ukuba yinto kawonkewonke. Ngale mpelaveki naye uzakubhalisela ukonyula eyakhe inkokheli.

Ukwafunde nokuba imbali yeli lizwe ichumile, nangona wakhe weva ngoSisulu ubengayazi ukuba yinzalelwane yaseNgcobo.