Banikwe kude kubengumhla wamashumi amathathu kule nyanga yoMsintsi abahlali baseMadameni ngaseScenery Park ukuba baphume kwizindlu abahlala kuzo bezintsapho ezilishumi elinesithandathu.
ULuleka Gaqa uzityande igila ngentlungu yabo yokugxothwa kwezi zindlu baneminyaka behlala kuzo.
“Ndingene apha ngo-1994, ngomhla wethoba kule nyanga sifumene incwadi ezibhalwe ngomhla weshumi elinesibini kwinyanga yeThupha zisixelela ukuba masiphume kwezi zindlu phambi komhla wamashumi amathathu,”utshilo uGaqa.
Ezi ncwadi zisuka kwinkampani yamagqwetha iGranett Schoeman zigunyazisa ukuba aba bahlali baphume kwezi zindlu.
UGaqa uthi esi sigrogriso kokwesibini besifumana kuba bakhe babizwa ngonyaka ka-2001 bexelelwa ukuba bazakuphuma, kodwa bancedwa nguceba owayekho ngelo xesha.
Ngabantu abakumashumi amathathu kuquka nabantwana ekulindeleke ukuba bachaphazeleke ngenxa yokukhutshwa kwezi zindlu.
UBongile Mtilwa uhlala nonina uNomakhosazana Mtilwa ophila ngokunyanga abantu kule ndawo.
“Sizakubetheka kakhulu kuba abantu abanyangwa ngumama bamazi efumaneka kule ndawo, ukusuka kwakhe apha kuza kuyichaphazela ngamandla indlela aphila ngayo,” utshilo uMtilwa.
Ezi zindlu zinabagumbi amane, iintsapho ezihlala apha zinabantu abahlanu ukuya kwabasixhenxe, usapho ngalunye lunabantwana ababini nangaphezulu.
UNtombizandile Mofu uthi akazazi ukuba uzakuyaphi xa bekhutshwa kwezi zindlu kuba akakwazi kuzakhela indlu yakhe.
“Nokuba singakhutshwa sinikwe umhlaba sizakwakha ngantoni kulo ndawo kuba asiphangeli asinamali yokwakha izindlu zokuhlala, siyacela kwenziwe elinye icebo sinikwe indawo yokuhlala,” utshilo uMofu.
Ezi zindlu zakhiwa ngenjongo zokuba kuhlale abasebenzi bakwamasipala abasebenza kwibutho elijongene namanzi eMzanyane Water Services.
Abahlali batyhola indoda ebizwa ngokuba nguDavid Siemelo ngelithi yiyo equqa kula ndawo inyanzelisa ukuba baphume kwezi zindlu.
Uceba wakwaWadi 5 eScenery Park uZandisile Tokwe uthi okwangoku akukho sicwangciso asaziyo sokunceda aba bantu.
“Ndizifumene iingxelo zokuba abantu bafumene iincwadi ezinyanzelisa ukuphuma kwabo kweza zindlu, inyaniso kukuba akukho sibonelelo sikhoyo malunga nendawo abazakuya kuhlala kuyo ngoku aba bantu,” utshilo uTokwe.
Uceba uthi indlela abahlala ngayo abantu ayisahambelani nendlela ababehlaliswa ngayo ngumasipala waseBCM.
Imanejala yaseMzonyana uDavid Seimelo uthe unolwazi lokuba umasipala ukwiphulo lokukhupha aba bantu, akavumanga ukuthetha malunga noku.
Ukanti umasipala waseBCM akafumanekanga ukunika impendulo malunga nokukhutshwa kwaba bantu kwezi zindlu.
siyabulela.mqikela@inl.co.za
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo