Bakhutshwe emisebenzini ngenxa yokuba kungekho manzi

ABASEBENZI bakarhulumente eBhisho kunyanzeleke ukuba baphume phambi kwexesha kwimisebenzi yabo kwezi ntsuku zimbini, uLwesine noLwesihlanu ngenxa yokunqongophala kwamanzi kule ntloko-dolophu yephondo leMpuma Koloni.


Oku kulandela uqhankqalazo labasebenzi base-Amatola Water olubangele ukuba kungabikho manzi, eBhisho, eBerlin, nakwiindawo ezithile eMdantsane nase-Ilitha.

 

Ngokwengxelo ephuma kwingqonyela yaseAmatola Water, uLefadi Makibinyane, abasebenzi beligunya-bantu lonikezelo ngamanzi eMpuma Koloni baqale uqhankqalazo emva kokungavisisani noomanejala malunga nezikhalazo zabo ngamagosa amabini aseAmatola Water.  

 

“Abasebenzi bakhalazela indlela aziphethe ngayo amagosa amabini kwiqumrhu lethu. Bebekhe babhalela kuMphathiswa wethu (Nomvula Mokonyane) kodwa kuyabonakala ukuba abakhange baphenduleke,” utshilo uMakibinyane.

 

Isithethi kurhulumente waseMpuma Koloni uSizwe Kupelo ungqinile ukuba abasebenzi kumasebe aliqela eBhisho baye bakhululwa phambi kwexesha. “Ingumngcipheko ngokwezempilo xa uyeka abasebenzi basebenze kwindawo engenamanzi,” utshilo uKupelo.

 

Akukacaci ukuba abasebenzi baseAmatola Water bakubuyela nini emsebenzini nanjengoko bevakalise okokuba bazakuqhuba nokukwaya umsebenzi de kube kanti ziyaphenduleka izikhalazo zabo.

 

I-Amatola Water ligunya-bantu lonikezelo ngamanzi kwimimandla eliqela kwiphondo leMpuma Koloni.

 

UMakibinyane uthi bafumene isithintelo senkundla esinyanzelisa abasebenzi ukuba babuyele emsebenzini. “Isithintelo senkundla sisifumene emva kwemini ngoLwesine, kwaye sizakusidlulisela ngoko nangoko kubasebenzi. Sinethemba lokuba abasebenzi bazakusithobela esi sithintelo