Bakhwijana ngodaka lwezopolitiko e-O.R. Tambo

Iguquke yali dabi lezopolitiko lase-O.R Tambo inyewe yokubanjwa kukaThandekile Sabisa noLawrence Mambila, abatyholwa ngokupheka iyelenqe lokubulala usihlalo we-ANC kule ngingqi uXolile Nkompela .

Abaxhasi bakaSabisa ebebenxibe izikipa, baxulube ngamatye iqela ebelixhasa uXolile Nkompela, kunyanzeleke amapolisa anganelele ukuthibaza imeko.

Abarhanelwa babanjwe kwiveki ezimbini ezidlulileyo, besoyanyaniswa nohlaselo lukaNkompela ongusihlalo we-ANC kwingingqi ye-O.R.Tambo ngoDisemba. Kolu dubulo kwabulawa unogada kaNkompela uZukile Nyontso. Bebonke abarhanelwa asele bebanjwe bavalelwa bane, kodwa omnye sele ejike walingqina lombuso.

UBaxolile Kulu othethela iqela labahlobo bakaSabisa noMambila (Friends of Sabisa and Mambila) uthe: “Amaqabane ethu (Sabisa noMambila) asesesibhedlele. Sikholelwa ukuba into yokubanjwa kwabo ayikho semthethweni, futhi iphenjelelwa zezopolitiko. Wonke umntu unelungelo lokuphathwa kakuhle xa ebanjiwe.”

“Asonelisekanga konke konke yindlela ewusingathe ngayo lo mba iANC e-O.R Tambo. Izenzo zabo azibonakalisi ubumbano, koko zibonakalisa iyantlukwano,” utshiilo uKulu.

UMambila noSabisa bebengekho enkundleni ngethuba kuxoxwa ityala labo ngoLwesibini. Ingxelo zithi basagcinwe kwisibhedlele sabucala eMthatha. Igqwetha labo uPhillip Zilwa uxelele inkundla ukuba ukugcinwa kukaSabisa noMambila, kususela ngomhla wamashumi amabini kule nyanga, emveni kokuba umbuso ungakwazanga ukubazisa enkundlleni, wacela inkundla ikhuphe isigunyaziso sokukhululwa kwabo. Eli gqwetha liyaziphika iingxelo zomtshutshisi weli tyala uMashilo Betty ezithi, abarhanelwa abasebenzisani namapolisa. UBetty uthe: “Abarhanelwa ababini uMambila noSabisa abavumi kuthathwe imizila yeminwe yabo nto leyo ilibazisa eli tyala nangakumbi.”

Eli tyala limiselwe umhla weshumi elinanye kwinyanga ezayo.