Bakruquke ngamabhakethi abahlali

Bakruquke livumba lelindle ngenxa yokuba besebenzisa amabhakethi xa besiya ngasese abahlali baseMorgan Bay ngseMonti baza bavala indlela kwakusasa izolo kula ndawo.

Usodolophu womasipala iGreat Kei uNgenisile Tekile uzikhulule ngokuthengisa amanye amagosa karhulumente ngethuba abahlali bebevutha umlilo bevale le ndlela ngezigodo zemithi.

Abahlali bafuna kupheliswe inkqubo yamabhakethi, bokhelwe izindlu baxhamle kwizithuba zomsebenzi ezivulwa ngurhulumente wephondo.

“Kudala nam ndikhala ngezi zikhalazo zabo kwisebe lezemihlaba ndibafunela umhlaba, isebe lezindlu nalo kudala ndizama ukuthetha nalo, andazi nam ukuba mandithini,” uthethe oko uTekile.

Othethe egameni labahlali uBongiwe Tshijila uthi ingxaki ephambili kule ndawo zizindlu zokuhlala ekukudala bethenjiswa ngazo.

“Izindlu ezilapha zakhiwa ngonyaka ka1994 zazingamashumi alithoba kuphela, ngoku kukho amatyotyombe angamakhulu amabini namashumi amabini sonke sisebenzisa izindlu zangasese ezine kuphela zezamabhakethi,” uchaze oko Tshijila.

Imeko yentlalo imbi ngamandla kule ndawo kuba abantu abancinci nabadala abagulayo nabaphileyo bazinceda kwizindlu zangasese zamabhakethi.

Abahlali bakwaWadi 5 bathi bosulelana ngezifo ngenxa yokuba liphezulu inani labantu abasebenzisa indlu yangasese engakhuselekanga ngenxa yamabhakethi.

Urhulumente welizwe loMzantsi Afrika ngonyaka ka2012 uthembise ukuba uzakuwaphelisa amabhakethi kwiilokishi zeli, kodwa asekho kwiindawo zaseMonti naseBhayi kweli leMpuma Koloni.

Usodolophu uzibophelele esidlangalaleni ngelithi uzakwenza indibano kulwesibini weveki ezayo nalapho bazakwenza amacebo okusombulula ezi ngxaki.

“Ndizakubhalela la masebe onke ukuba eze apha ukuze aze kuziphendulela kwezi ngxaki ingakumbi le yomhlaba wokwakha izindlu nezinye ke, iinjongo zam kukuba sibelapha kwakhona ngoLwesibini,” ucacise watsho uTekile.

Aba bahlali bathi abasokuze bavote ukuba ezi ngxaki zabo azisonjululwa phambi kokuba kuyiwe kulonyulo loomasipala.

Ziintsuku ezingamashumi amathathu anesithandathu eziseleyo phambi kokuba ilizwe loMzantsi Afrika liye kulonyulo loomasipala.