BAGXEKA impatho egwenxa ngakulawulo lwesikhululo sosasazo iSunshine FM abasasazi besi sikhululo abathe bashiya, kwinyanga nje ezisixhenxe sisemoyeni.
Babalelwa eshumini abasebenzi abashiye iSunshine FM ukususela oko yathi yaqala ukusasaza. Isibini sabasetyhini esele sishiyile sityhole uZanemali Bani obesakuba yingqonyela yesi sikhululo ngelithi wayefuna ukulalana nabo.
Omnye kwesi sibini ucele ukuba silifihle igama lakhe ngeloyikisela ukuphazamisana nophando lwamapolisa ngakule nyewe. UNomfesane Tshwali ongomnye wesi sibini uthe ubudlelwane phakathi kwakhe nesi sikhululo sonakala mhla wala ebizwa ngulo kaBani ngelithi mabadibane endleleni ngobusuku.
“Ndamxelela ukuba ayeke ukundifowunela ngamaxesha angengowomsebenzi. Emva koko wathetha rhabaxa nam, wade wanditshovela ngaphandle kwamasango, wandibetha entloko waphinda wandikhaba,” utshilo uTshwali.
Ukwathe wayenyanzeliswa ngumphathi wesi sikhululo ukuba enze inkqubo kanomathotholo angayiqhelanga enganikwanga nethuba lokuzilungiselela. UTshwali uthe, “Ndathi ndisokhalaza, kwathiwa mandigoduke ukuba andifuni ukusebenza apha.”
Ukanti uThembelani Nunge nodume kakhulu ngelika Pastor T kwinkqubo yakhe uMasixhobisane ephakathi kwentsimbi yethoba neyeshumi elinambini uthe uphendula into angayaziyo kubaphulaphuli nabafuna ukwazi izizathu zokuba angabhexeshi inkqubo yakhe.
Uthe isikhuni sibuye naye ngenxa yokuba ebesilwela amalungelo abasebenzi kwesi sikhululo. uthe, “Ingxaki iqale emva kokuba iSunshine ifumene iwonga njengesikhululo esingcono kwezinye izikhululo zikanomathotholo zasekuhlaleni.”
UNunge obekwisigqeba esilawulayo uthi uzibone esuswa njengomlawuli weenkqubo, kungene mntu wumbi esikhundleni sakhe. UBani nongumsunguli wesi sikhululo uziphikile izityholo atyatyekwa zona nezibhekise kwesi sikhululo. Uthe akukho namnye umsebenzi ophethwe rhabaxa.
Uqhube wathi, “Ingxaki kukuba siqesha abantu abasuka ekuhlaleni, abanye babo banebanga leshumi kuphela ngelixa abanye benazo izidanga kodwa bengenalwazi lomsebenzi,” utshilo uBani.
Uqhube wathi le meko iyababetha kuba abayazi imithetho yosasazo noxa bebamba imfundiswano ngenjongo yokubaxhobisa. Ukwathe, “Sisisikhululo esisesitsha, kunyanzelekile ukuba sibe nemiceli mngeni.”
Ukwaziphikile nezityholo sesibini sabasetyhini abathi wayefuna ukwabelana ngesondo nabo. Uthe nguTshwali owayenoburhalarhume ngakuye. “Weza namapolisa ndingekho, xa sendisemapoliseni ngentsimbi yesixhenxe ngobo busuku wacelwa ukuba afike kodwa zange aze,” utshilo uBani.
Ukwathe kukho abantu abafuna ukurhuqela igama lakhe eludakeni nabafuna ukumbulala.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro