Balambile abafundi baseMbhashe

ZINGAPHAYA kwamashumi amathathu iinqununu zesekethe yaseMbhashe ezithe zagaleleka kumagumbi esithili sezemfundo eDutywa. Ezi nqununu ziyokugqithisa uxwebhu lezikhalazo malunga nabantwana bezikolo abangasatyiyo. Zingaphaya kwekhulu, phantse yonke iDutywa izikolo ezigqibele phambi kwekhefu lePasika ukufumana ukutya.

Inqununu yezinye zezikolo ebezikulo mngcelele woxolo ubusingise kweli sebe, nguLitha Apleni wesikolo samabanga aphantsi iNokatana eDutywa uthi, bayalamba abantwana kuba sele beqhele ukutya esikolweni nto leyo ibenza bangaqhubi kakuhle nasesikolweni: “Kaloku sele beqhele ukutya ezikolweni abantwana abanye babo bayancedakala kuba akukho emva ekhaya uncedakala kukutya apha esikolweni omnye aphinde azokutya ngengomso apha esikolweni bayabethakala, kungoko sigqibe ekubeni masiphakame singabaphathi bezikolo ezichaphazelekileyo sizokusabela,” utshilo uApleni.

Ezi nqununu zithi, ziphendulekile nangona zingalinikwanga ixesha kwanosuku apho ekuzakuthi kufike ngayo imali ezakuthi ithenge ukutya kwabantwana. Iingxelo zithi isebe lithe, imali izakubuya ifakwe kuba kusalungiswa uluhlu.

Izikolo ziye zinikwe imali lisebe nalapho ziye zizithengele ngokwazo ukutya ezivenkileni.

Isithethi sesebe lezemfundo kweli phondo leMpuma Koloni uMali Mtima uthi, imali bekulindeleke ukuba ingene kwiibhanki zezikolo izolo.