Balele kwaSASSA befuna uncedo!

Balele kwaSASSA eMdantsane ngenxa yokugcwala kwee-ofisi UMFANEKISO: Thabang Maseko
BADELE loo ngqele ibanda kunene balala kwaSASSA eMdantsane kubusuku bangoLwesibini kuba befuna ukungaphoxeki ngosuku olulandelayo ngenxa yengxinano ebangele ukuba baquqe kweli ziko likarhulumente iintsuku ngeentsuku ngaphandle kwempumelelo.

Endaweni yokuba uSASSA azame indlela yokuphucula le meko, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba aba bantu bophula imiqathango yeLockdown.

Umfanekiso wabantu abombethe iingubo kwingqele eqhaqhazelisa amazinyo ubujikeleza kumaqonga ezonxibelelwano emva kokuthathwa litshantliziyo laseMdantsane uThabang Maseko.

USikelelwa Kilana wakwaN.U.6 eMdantsane ungomnye wabo bathe balala kwaSASSA kubusuku bangoLwesibini kule veki.

“Njengokuba ndilele apha kwaSASSA nje kukuba bendikhe ndaza ngaphambili andakwazi ukuncedakala, kuba bendingumntu we-65. Into endiyifunayo sisicelo sendodla yomntwana. Sibone ukuba masilale ngenxa yokuba sifuna ukuncedakala,” utshilo uKilana.

Yena uNosiphiwo Ndinisa waseBerlin uthe: “Into ebangele ukuba ndizolala apha kukuba inani andikwazi ukulenza, besijikwa kusithiwa kugcwele. Abantu balala kwaSASSA, nam ndibone ukuba mandibeyinxalenye nabo, kuba siyajikwa xa kugcwele.”

USipho Gadla wakwa.N.U.7 eMdantsane uthi yiveki yesithathu le ejika kwaSASSA ngenxa yokugcwala.

Isithethi sakwaSASSA eMpuma Koloni uMfundisi Luzuko Qina uthi kwesi sigaba sesine (Level 4) seLockdown iiofisi zabo ngoMvulo nangoLwesibini bezihlelelwe ukuba zijongane nenani eliqingqiweyo labo bazokufaka izicelo zendodla yabadala.

UQina uthi ngoLwesithathu nangoLwesine kubhaliswa izicelo zendodla yabantwana (Child Support neFoster Care).

“NgoLwezihlanu sinceda abo singakwazanga kubanceda kwezi ntsuku zikhankanyiweyo. Kwizehlo apho sinabantu abalikhulu, siye sinike abangamashumi amahlanu amaphepha okuba babuye kwimini elandelayo.

“Kufuneka icacile eyokuba ngenxa yeCovid-19 kunyanzeleke ukuba sitshintshe indlela yokwenza izinto ukuze singabeki abantu abafuna iinkonzo zethu kunye nabasebenzi emngciphekweni, yiyo le nto sivelise inkqubo yokuzibekela indawo (booking system),” utshilo uQina.

“Kungelishwa ukubona abantu abazokufuna iinkonzo kuthi bezifaka emngciphekweni futhi besophula imiqathango yeLockdown.

“Simemelela kubantu abafuna iinkonzo kuthi noluntu ngokubanzi ukuba bathobele imithetho emisiweyo yokunqanda ukunwenwa kwale ntsholongwane futhi baxhase inkqubo yokuzibekela indawo eveliswe nguSASSA,” kutsho uQina

EDutywa omnye wabo kudala ejika kwaSASSA ngenxa yokungasebenzi kweekhompyutha kwanokugcwala kwabantu uthi akukho nkqubo yokuzibekela indawo kwaSASSA eDutywa.

“Ndigqibe iiveki ezintathu ndijika kwaSASSA eDutywa kusithiwa kugcwele futhi iikhompyutha azisebenzi. Ndizobhalisa emva kweeveki ezintathu. Into endixakayo yile yokuba kuthiwe masingazuli esitalatweni kodwa xa sifuna uncedo kurhulumente siyasokolola,” utshilo lo mhlali waseDutywa ocele ukuba lingachazwa igama lakhe.