Balibethe labhubha ixhegwazana ebelihamba ngasebakhwetheni

Libethwe labhubha ixhegwazana elingaziwayo neliqikelelwa kumashumi asixhenxe ngeminyaka ubudala (70) kwilali yaseMorrison eNgcingwane eDutywa emva kokubonwa lihamba ngasebakhwetheni.

Eli xhegwazana libethwe ngabafana abathathu emva kokuba libhaqwe lihamba ecaleni kwebhuma labakhwetha ezinzulwini zobusuku. Oku kwenzeke ngentsimbi yesibini ekuseni ngoLwesibini wale veki.

“Ixhegwazana eli libhaqwe lichwechwa ngasebhumeni ngababafana bathathu xeshikweni begade abakhwetha. Baye bakrokrela ukuba ligqwirha. Kwisiko lakwaXhosa umntu obhinqileyo akamkelekanga ngakwibhuma labakhwetha. La madoda alibethe labhubha kwangoko eli xhegwazana,” utshilo osisithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni Jackson Manatha.

Kubarhanelwa aba omnye uneshumi elinethoba leminyaka ubudala, omnye unamashumi amabini anesixhenxe ze owokugqibela abenamshumi amathathu anesithandathu ubudala. Sithetha nje bajongene netyala lokubulala.

Inkumanda yesikhululo samapolisa aseGcuwa uColonel Sipho Hokwana usikhalimele kabukhali esi senzo senziwe ngababarhanelwa.

UManatha ubongoza kuluntu olulahlekelwe sisihlobo nalowo unokubanolwazi ngeli xhegwazana eze ngaphambili emapoliseni ayokufanisa umzimba.