Balindlela: Ndisikwe yinimba ngeANC

OWAYESAKUBA yiNkulumbuso yaseMpuma Koloni uNosimo Balindlela uthi iDA sokuze ithelekiswe neANC ngokomthamo nesakhono sokunceda uninzi lwabantu beli lizwe.

Kule veki uBalindlela ulahlile njengelungu leDA, eshiya isikhundla sakhe kwiPalamente yephondo eBhisho phantsi kweDA, apho eberhola into engaphaya kwesigidi seerandi ngonyaka.

UBalindlela uthe: “Ndicinge nzulu ngeANC kuba ngumbutho wam osondele kakhulu ebantwini abahlelelekileyo. Ndiye ndasikwa yinimba, ndacinga ngezinto ezenziwe yiANC.”

“Mandiyithethe inyani ukuba bendingaphakathi kwiDA ndingawuqondanga umthamo weDA ukuba asokuze uthelekiswe neANC. Iyasebenza iANC, ilwa ubuqhophololo futhi ineenkqubo zokunceda uluntu,” utshilo uBalindlela.

Uthi uxanduva lwakhe olutsha kwiANC kukujongana nolutsha kwakunye noomama.

“Ndiza kujongana neemfuno zolutsha noomama, ndidlale indima yam. Ndiyakhuthazeka likhwelo likaMongameli Cyril Ramaphosa othi masiye eluntwini.

“Isininzi selizwe loMzantsi Afrika sisengxakini kwaye ezi ngxaki zakusonjululwa xa sibaninzi apha kwiANC,” utshilo uBalindlela.

Kwimbalelwano, iANC eMpuma Koloni ithe iyakwamkela ukubuyela kwiANC kukaBalindlela, yatsho isithi iDA ibingelokhaya likaBalindlela.

Inkokeli yeDA kweli phondo uNqaba Bhanga uthi bayasihlonipha isigqibo sikaBalindlela sokuphindela kwiANC.

“Kodwa sicinga ukuba akekho kwikhondo elihle kuba iANC igutyungelwe bubuqhophololo nolawulo olugwenxa obugulula iibhiliyoni ngeebhiliyoni [ekufanele ukuba ziya] kubantu abahlelelekileyo.

“Siyayibulela inxaxheba ayidlale kwiinzame zeDA zokwakha urhulumento eMpuma Koloni,” utshilo uBhanga.

Emva kokushiya iANC ngo2008, uBalindlela wazibandakanya neCOPE kodwa waphinda wayishiya nayo esiya kwiDA, njengokuba egqibe ngelokubuyela kwiANC.