Baliqela oomasipala abazakubamba unyulo lovalo sikhewu

Ngabagqatswa abangamashumi amathandathu anesithandathu abamele imibutho elishumi elinesithandathu eyahlukenmeyo kwakunye noomthi uzimele abazakuba yinxalenye yonyulo lovalo sikhewu koomasipala abalishumi elinesihlanu kweli loMzantsi Afrika.

Olunyulo lizakubanjwa ngoLwesithathu umhla wethoba wale veki, koomasipala abaseMpuma Koloni, KwaZulu Natal, eLimpopo, eMpumalanga, eMntla Koloni naseNtshona Koloni. 

Ziingxaki ezahlukileyo eziliqela ezikhokelele kolu nyulo, kwaye intsusa ibivele kwangaphambi konyulo loorhulumente basemakhaya ebelingomhla wesithathu kweyeThupha. 

Kweli leMpuma Koloni kulindeleke unyulo lovalo sikhewu eMbashe emva kokuba umgqatswa wasweleka engozini phambi konyulo. Umgqatswa waseMbizana wakhutshwa kuluhlu kulandela iingxaki zencwadi yakhe yesazisi.

Ukanti eNelson Mandela Bay kuzakubanjwa unyulo lovalo sikhewu kwaWadi 4 nakwaWadi14. Umgqatswa kaWadi 14 wadutyulwa wasweleka kwiintsuku ezandulela unyulo.


Unyulo lovalo sikhewu kulo masipala lijongwe ngamehlo abomvu ukususela emva kokuba umasipala weNMB uwele kwizandla zorhulumente wobambiswano okhokelwe yiDA. Kulindeleke ukuba lo mbutho ujijisane neANC kwakunye neEFF kwiinzame zokumilisela iingcambu kulandela impumelelo yomhla wesithathu kweyeThupha. 

Ukanti nasePort St Johns kwakunye naseRaymond Mhlaba kuzakuqhutywa unyulo.

 

Abakwa Independent Electoral Commission babongoze uluntu oluchaphazelekayo ukuba lundwendwele ii-ofisi zabo ezikufuphi ukuze bakwazi ukujonga iinkcukacha zabo.