Balithoba kwityotyombe elinye!

Umama uThobeka Mandlathi ohlala nabantu abasibhozo etyotyombeni kwilokishi yaseBika, eGcuwa, ucela ukwakhelwa indlu umfanekiso: Pedro Mapelo

“Ndirhalela ukwakhelwa indlu kuphela, ayikho enye into!” Ngamazwi kamama uThobeka Mandlathi lawo awathethe ngenxa yemeko embi kakhulu ahlala kuyo etyotyombeni kwilokishi yaseBika eGcuwa.

Njengokuba abantu belizwe bebebhiyozela umhla woomama kwiveki ephelileyo, yena umam’uMandlathi, 53, ebephethwe mbengwana yingqele ebiqhaqhazelisa amazinyo etyotyombeni lakhe awaqala ukuhlala kulo ngo1990.

Abantu abahlala kweli tyotyombe balithoba; ngumam’uMandlathi nabantwana bakhe abane nabazukulwana abathathu ekukho kubo imveku engekagqibi nonyaka.

Ityotyombe linezikroba phezulu nasemacaleni, ucango alivaleki kakuhle, ngaphakathi lwenziwe ngekhadibhothi enokuba yingozi xa kunokutsha, kumanzi phantsi ngenxa yemvula.

UMandlathi, ongaboniyo, uhlala kule meko nangona uMzantsi Afrika uxhamla inkululeko.

I’solezwe lesiXhosa lityelele umama emva kokubaliselwa imeko yakhe nguNeliswa Simuku – ohlala eBika nokwangoyena omane enceda ngezinto ezithile.

Imeko yomzi lo iyaziwa ngumasipala waseMnquma ngokokutsho kwakhe, noxa uceba okhoyo engazange azame ukunceda.

Kufutshane nendlela uN2, abantu abaninzi bakhelwa izindlu ngurhulumente – kodwa kubantu abadala njengomam’uMandlathi ichasele okwethamsanqa lo nto.

“Ndirhalela ukwakhelwa indlu qha. Ndingene kuyo nabantwana bam, ayikho enye into.

Ibuhlungu le nto ekule ndlu. Ibuhlungu kakhulu ngoba iyavuza. Ndiyaqhaqhazela ngoku ndihleli kule ndawo.

Njengokuba kunetha, siqundana kule bhedi ilapha. Abanye baqundana kuleya ibhedi. Akumnandanga tu, kudlakadlaka kweli tyotyombe, kubi!

Alilungiseki tu, njengokuba ubona kumdaka kunje. Uceba uyandazi ukuba ndihlala endaweni enje, kodwa zange alibeke apha endlwini.

Kwagqibela uNomakorinte ngokuya kwakusaphethe yena; lo ukhoyo akakezi apha endlwini,” utshilo uMandlathi enxunguphele.

ISebe lokuHlaliswa koLuntu lithe liza kumnceda umama uMandlathi. “Isebe liza kumnceda umama. Amagosa wesebe nomasipala ebeke amtyelela kwinyanga ephelileyo, qha ingxaki ibikukungabikho kwendawo yokumakhela indlu. Kodwa ke ngoku umasipala sele eyibonile indawo ekunokwakhiwa kuyo indlu,” sitshilo iSithethi seSebe lezokuHlaliswa koLuntu uPhiwokuhle Soga.