Kukhula ngokukhula ukungevisisani phakathi kombutho wabantu abathengisa ezitalatweni kwidolophu yaseMthatha kunye momasipala iKing Sabata Dalindyebo (KSD).
Sithetha nje balugcwabevu ngumsindo abathengisi basezitalatweni abangamalungu eAfrican Hawkers Association kulandela ukususwa kweekharavan zawo ngaphandle kwentando yabo.
Lo mbutho uthi uzobhenela enkundleni yamatyala ngelinyanzelisa ukubuyiselwa kwazo kwindawo ebezifudula zikuzo.
Ebutsheni beveki ephelileyo, umasipala weKSD uyalele amagosa akhe ephelekwa ngamapolisa alo masipala ukuba afuduse ezikharavan kule dolophu nto leyo idale la malungu angenela uqhankqalazo.
Ngokwengxelo kamongameli weAfrican Hawkers, umasipala ufedile ukuphumeza izindululo zakweyoMdumba 2013, phantsi kwesikhokhelo sikasodolophu uNonkoliso Ngqongwa, owathembisa ngelithi asoze zisuswe ngaphambi kokufunelwa enye indawo ephucukileyo.
“Sifuna ukwazi ukuba umasipala uthi masisebenzele phi, sibondle ngantoni abantwana bethu. Ngonyaka ka2013 usodolophu welo xesha, ohloniphekileyo uNonkoliso Ngqongwa, wasixelela ukuba asoze zisuswe ikharavan zethu de sinikwe indawo efanelekileyo, kodwa ngoku kwalo masipala mnye uyasijikela. Asizuhleka nenye ehlekisayo, sifuna zibuyiselwe endaweni zethu zingonakalanga,” utshilo uJalile.
Ngokomgaqo-siseko weli loMzantsi Afrika, umntu akanaku suswa kwindawo asele ehleli kuyo ngaphezulu kweenyanga ezilishumi nesibhozo, kungekho ndawo asiwa kuyo.
UJalile uthe “Ngenxa yokophulwa kwalo mgaqo sizoya enkundleni siyokucela umyalelo wenkundla okhawulezileyo.”
Enye ingxelo idize ukuba kudala umasipala ekhupha imbalelwano ezichaza ngokususwa kwezi ndawo zoshishino ezingekho mthethweni kule dolophu yaseMthatha.
Kunyaka ophelileyo, la malungu abhalele umasipala ekhalazela izinto eziliqela eziquka impathombi ngenxa yokuleqwa ngamapolisa kamasipala.
Ukanti nomba wokususwa kwezikharavan wawuphambili kuluhlu lwezikhalazo. Igosa likamasipala elingagunyaziswanga ukuba lithethe noonondaba lithi, kukhona intlanganiso ezokubanjwa ngusodolophu walo masipala ngoLwesine wale veki uDumani Zozo kunye nalo mbutho wabathengi basezitalatweni, ngenjongo zokuzama ukulungisa le yantlukwano ekhulayo.
Eli gosa lithi kudala umasipala ebhalela lo mbutho umazisa ngesi sigqibo sokuzisusa.
Iinzame zokufumana isithethi somasipala weKSD uSonwabo Mampoza aziphumelelanga.
UNgalonkulu uncunyiswe ngoonobuhle bangomso emcimbini obuseGcuwa!