Balwa intsebenziswano nootsotsi abathengisi kwizitalato zaseMthatha

Abathengisi basezitalatweni eMthatha, oosomashishini, namasebe karhulumente kumngcelele olwa intsebenziswano phakathi kwabathengisa ezitalatweni nootsotsi. Umfanekiso: Sinikelo Goqweni

Umbutho wabathengisa ezitalatweni eMthatha,
iAfrican Hawkers Association uthi awusoze usonge izandla ubona igama lalo mbutho
lirhuqelwa eludakeni ngamalungu awo angobholele caleni. 

Lo mbutho ukhokhele
umngcelele ochasene nolwaphulo mthetho kule dolophu emva kwengxelo zokuba
amanye amalungu awo sebenzisana nootsotsi ngokugcina iimpahla zobusela
neziyobisi.

Lo mngcelele uqale kudederhu lweevenkile iCircus
triangle wayophelela kwiholo yesixeko saseMthatha nekulapho kushukuxwe
amaqhinga okulwa lengxaki.

Umongameli weAfrican Hawkers Association uFundile
Jalile uthi urhulumente uthathe isigqibo sokuba lo mbutho ukhokhele lo mngcelele
ukunqanda amalungu awo ukuba ayeke ukusebenzisa nootsotsi.


UJalile uthe “Asinakuthula sibona igama
lalombutho lirhuqelwa eludakeni,nabani ofunyenwe esebenzisana nootsotsi egcina
impahla zobusela neziyobisi kwindawo athengisa kuyo sizomgxotha kulo mbutho. Siyaziqaqisa
kulo mkhuba kwaye amaxhoba olwaphulo mthetho ngabathengi bethu
abasixhasayo”

Ukwathi
ulwaphulo mthetho lunomfutho ombi kule dolophu yaseMthatha kuquka ukubalekisa
abakhenkethi nabatyali mali.

USaleem Nazar Muhammad wombutho wabemi
bangaphandle iPakistan 
Association osele uneminyaka elishumi elinesithathu
eqhuba ushishino kule

dolophu uthi kudala besiba ngamaxhoba olwaphulo
mthetho lokuqhekezwa 
kwamashishini abo. 

“Amapolisa akanolulwa
odwa ulwaphulo mthetho kungoko 
sivuya xa oosomashishini beshukumile. Abemi
baseChina abaninzi sele 
bewavalile amashishini abo ngenxa yolwaphulo
mthetho. Nangona 
siwuncoma umsebenzi wamapolisa kodwa kumele
kunyuswe inani lamapolisa 
ajikelezayo nathi sincedise,” utshilo uMuhammad.

Le dolophu idume ngengxinano yoosomashishini
abathengisa ezitalatweni nokungasebenzi kwemithetho kamasipala nto leyo yenza
nzima ukulwa ulwaphulo mthetho.

UKapteni Dineo Koena othethela amapolisa aseMthatha
uthi ukushukuma kwabathengisi zitalatweni kuzoncedisa kakhulu. 
Uthi ingxinano kwizitalato zale dolophu 
yenza kubenzima ukuleqa ootsotsi kungoko becela intsebenziswano nomasipala
nabantu. Kuvunyelwene ngokuqiniswa koqhogwano ukulwa ulwaphulo mthetho oludlungileyo
kule dolophu yaseMthatha. 

Phakathi kwamasebe ebekhona kule ndibano aquka isebe
lezekhaya, iGunyabantu lezoTshutshiso kuzwelonke, umasipala weKing Sabatha
Dalindyebo namanye.