Balwa intswelo-ngqesho ngeshishini lokuzilolonga

Ungenelelo lomphathiswa wesebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni uNancy Sihlwayi kwakunye nomasipala waseMalahleni kwenze lafezeka iphupha leqela lolutsha laseLady Frere lokuvula ishishini lokuzilolonga kuluntu lwale ndawo.

Oku kudizwe nguThulani Mbanga ongomnye kwabahlanu abakulawulo kwindawo yokuzilolonga ebizwa iLukhanyiso Gymnasium eLady Frere.

UMbanga uthi, khange kubelula ukuba bafikelele kule ndawo bakuyo, baqale ku2011 belishumi elinesithandathu beququzelela uphuhliso kwindawo yabo emva kokubona iingxaki ezininzi kulutsha. “Ezo zinto ziquka indlala, intswelo-ngqesho, ulwaphulo-mthetho kwanokhulelo lwabantwana bebancinci. Sabona ukuba masivuke emaqandeni silulutsha,” utshilo uMbanga.

“Silibulela kakhulu eli sebe kwakunye nomasipala ngokuba bethe basithemba. Umhlaba namanzi sawunikwa simahla ngumasipala. Nangona sesishiyeke sibahlanu nje sasiqale sibaninzi kodwa ngenxa yobunzima, abaninzi zange bakwazi ukunyamezela ngenxa yentsokolo kuba sasihamba ngeenyawo ukuya edolophini singenayo naleyo yokutya, kuba abanye bethu baziintloko zamakhaya abo,” utshilo uMbanga. USihlwayi eli ziko ulivule ngokusesikweni kwiveki ephelileyo. Isebe likaSihlwayi libinze imali engange-R1,9 million. Isithethi seli sebe uMzukisi Solani uthi, oku kulandela emva kokuba ulutsha lwala mmandla oluquka iNdwe, Dodrecht kwakunye neLady Frere lakrweca umphathiswa uSihlwayi ekubeni aluncedise.

UMphathiswa uSihlwayi ngethuba bevula ngokusesikweni iLukhanyiso Gymnasium uthe: “Abantu abatsha kufuneka babonakalise umdla namacebo abanawo okulwa intswelo-ngqesho ingakumbi ezilalini. Eli linyathelo elibalulekileyo kuphuhliso loqoqoqsho lwale ndawo.” Ukanti amalungu aseLukhanyiso aye afumana uqeqesho ngokolawulo ezimalini neendlela zokuphatha ishishini. Ngaphakathi eLukhanyiso akukho ntlobo ingekhoyo yokuzilolonga esetyenziswayo, kukhona nabo bazakuncebisa ukuba wenza njani. ILukhanyiso sele inamalungu ayi-129 ayisebenzisayo. Ngokwengxelo ukuza kuthi ga ngoku eli ziko sele lenze imali engange-R28 600.