Imifanekiso ejikeleza kumakhasi onxibelelwano ibonakalisa abahlali baseMlungisi eKomani besilwa ngamanzi, nto leyo ebubungqina bobunzulu bengxaki yokunqongophala kwamanzi kwisithili saseChris Hani.
Ingxelo ephuma kuMasipala wesithili saseChris Hani ngomlomo kaBulela Ganyaza iyangqina ukuba ngenene ikhona ingxaki yamanzi eKomani.
UBongeka Nobuntu nguceba ojongene nonikezelo lwamanzi kwisithili saseChris Hani. “Ingxaki yamanzi ekhoyo kwisithili saseChris Hani ibangelwa kukuhla komthamo wamanzi kwidama eliphambili kule ngingqi, iBonkolo, nekubangelwa kukunqongophala kwemvula ngexesha lasehlotyeni,” kutsho uNobuntu.
Ngenxa yale meko, uMasipala wesithili saseChris Hani wenze iinzame zokuqinisekisa ukuba abantu bayawafumana amanzi abawadinga ngamandla. Uthi ukuphela kwamanzi kuBonkolo kubangele ukuba basebenzise amanzi asuka kwidama laseLunweleni (Waterdown).
“Ukuzama ukukhawulelana nale meko, sithumele iiloli zamanzi ezilishumi elinesine kuzo zonke iiwadi ezichatshazelwe yile meko yokungabikho kwamanzi, senza iinzame zokuba kuthunyelwe amatanki angamashumi amane eluntwini,” kutsho uNobuntu.
Uhambisa athi bakwakwiphulo lokwenza iinzame zokuba kugrunjwe amanzi ngaphantsi komhlaba ukuze kuncediswe iBerry Dam ukulwa le ngxaki yamanzi. Elinye idama elikufutshane eKomani, iXonxa, lihleli kumyinge wekhulu leepesenti ekhulwini ukugcwala kwalo.
“Elona dama linokusikhupha kule ngxaki lidama laseXonxa kuba ligcwele, ngoku kulungiswa iimpompo phaya ukuze ahambe amanzi, lo msebenzi awunakufika kwisithuba seenyanga ezimbini uqhubeka,” kutsho uNobuntu.
Umhlali waseKomani oncokole neSolezwe lesiXhosa ngemeko yamanzi eKomani uthi abasakwazi kusebenzisa izindlu zangasese.
“Sinezindlu zangasese ezisendlini neziphandle – zonke zisebenzisa amanzi, asikwazi ukuzisebenzisa xa kungekho manzi, sihlala nabantwana abancinci, kunzima kakhulu eKomani,” utsho umhlali.
Uthi balishumi elinesibini endlini, kukho nomntwana omncinci.
“Abam ndibathumela ukuba baye enkonzweni kuba kukho yonke into edibene nezindlu zangasese, ukuze benze yonke into phaya phambi kokuba babuyele endlini,” utsho umhlali.
Kukho iingxelo zokuba abanye abantu bafunyanwa zizisu banyanzeleke ukuba babalekiselwe kumaziko empilo.
Ukunganethi kwemvula ngendlela eyiyo apha kubangele ukuba amafama wombona namafama afuyileyo ngokunjalo bazibone bethwaxwa ngamandla yimbalela.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup