Balwa ubundlobongela ngomculo weHip Hop

Ekuqaleni nguMbuyiselo Memani oyimbongi, Akhona Nyale weThe Believer, Siviwe Masiza kwakunye noZenande Maqutywa weqela iMQT BBH umfanekiso: Abongile Ginya

Iqela leHip Hop iThe Believer laseDuncan Village likwiphulo lokulwa ulwaphulo-mthetho ngokuthi liqambe futhi licule iingoma ezinomyalezo malunga nobungozi bolwaphulo-mthetho.

Eli qela lenziwe ngabafana ababini abasebatsha uSiviwe Masiza kwakunye noAkhona Nyale.

UMasiza uthi ezi ngoma zikwaloba nabantu abatsha ekubeni bathethe ngokuphandle ngeengxaki abajongene nazo elokishini. “Njengoko negama leqela lethu lisithi The Believer, umyalezo esisoloko sithetha ngawo ngowokuba abantu abatsha kufuneka bakholelwe kumaphupha abo,” utshilo uMasiza.

IDuncan Village yenye yeendawo ezinezinga eliphezulu lokusetyenziswa kweziyobisi, ukugquba kwendlala kuquka nentswela-ngqesho kulutsha.

UMasiza uthi bazikhulisa ngokuthi bacule kwizitalato zaseDuncan Village, batsale ulutsha kwinto abayibiza iStreet Bash.

Uthi ulutsha luye luphume luzokubukela kuba oku bakwenza rhoqo ngeeCawe. Uthi bakhe bacule nakwiCarnival xa ilixesha leziyunguma zikaDisemba.