Kuphehlelelwe umbutho omtsha ongenanto yakwenza nopolitiko obizwa ngokuba yiMnquma Forum Against Corruption (MFACO) eGcuwa izolo.
Lo mbutho uthi uzimisele ukubusiphula neengcambu ubuqhophololo obugquba phantsi komasipala waseMnquma.
Usihlalo weMFACO uWezile Mgidlana uthi babone kuyimfuno emandla ukuba bashukume bayisungule ngenzame zokutshintsa ubom babantu kwaye nokubona iinkonzo zingafiki eluntwini zibe zifanele ukufika.
“Sifuna ukuba sibeneqonga lokulwa ubuqhopholo kwindawo yethu. Noko ngoku kusemveni kweminyaka emininzi sinorhulumente wabantu, kodwa iinkonzo ebekufanele ukuba ziya eluntwini…sibona ukuba zityelwa imali,” utshilo uMgidlana.
Bebephumile abahlali nebebephuma kumasebe karhulumente, abemibutho yezothutho kwakunye nabemibutho yabathengisi basezitalatweni nalapho nabo bebevakalisa ezabo iimbono kwanengcinga ngomba wokusiwa kweenkonzo ngulo masipala.
UNdoda Ntlikithi okhoyo kwiMFACO uthi bacela intsebenziswano emandla noluntu kuba bafuna ukususa nengcambu ulwaphulo mthetho kwanobuqhophololo olugqubayo eMnquma.
Sithetha nje bakwiphulo lokuqeqesha ulutsha ukubabonisa ngezakhono zokulwa nale ngxaki.
abongile.ginya@inl.co.za
UVilakazi usola usompempe ngokuphuma kwaMaZulu kwiNedbank Cup