Balwa ukubukulwa kwabemi bangaphandle

Uluntu oluthathe inxaxheba kwiBootcamp yeARESTA bezifudumeza ebaleni UMFANEKISO: Uthunyelwe

Nangona zingekehli kangako iziganeko zokubukulwa ngokobuhlanga kwabantu bamazwe angaphandle kummandla waseMonti, umbutho iAgency for Refugee Education, Skills Training and Advocacy (ARESTA) ubone ukuba mawenze iphulo lokukhuthaza ubumbano ngeenjongo zokunqanda ukuhlaselwa kwabemi bangaphandle.

Lo mbutho ozinze eMonti, ujongene nabaphambukeli belizwe laseBurundi, Ethiopia, Congo kwakunye neSomalia.

USipiwe Sangqu uthi uyayiqonda ukuba azikabikho kangako iziganeko zokuhlaselwa kwabemi bangaphandle, kodwa bagqibe kwelokuqinisa amaphulo akhuthaza ubumbano phakathi kwabemi baseAfrika.

“Azikabikwa kangako iziganeko zokubukulwa kwaba bantu, kodwa oku kukuzama ukulumkisa uluntu kwanokufundisa uluntu ukuba nabo ngabantu abafana nathi koko kuhluke nje amazwe. Akubalulekanga ingeyo nto intle eyokuphatha abanye abantu kakubi,” utshilo uSangqu.

Uthi kwiziganeko zokuba ngamanye amaxesha kuqala abo bangaphandle ukumosha abalapha, oko kungabangelwa kukungaphathwa kwabo kakuhle. Uthi abanye babaleke kumazwe abo bebalekela izinto ezininzi eziquka ukungcikivwa ngokwepolitiki.

Uluntu oluthathe inxaxheba ngethuba iARESTA ilolonga uluntu – ngabafundi baseSinovuyo, e-Ebenizer Majombozi, uHeculars neMan on Point kwakunye neminye imibutho engenanto yakwenza norhulumente.

Ukanti ezona zehlo zikhulu sele zenzekile zokubukulwa kwanokumoshwa kwabemi bangaphandle kukwiphondo laseRhawutini kwakunye nasePitoli, apho uluntu beluzidaphela ukutya kwezo venkile. Nezo zimbalwana zenzeke kwilokishi yaseCambridge kwakunye nendoda yakuTsolo eye yahlukunyezwa ngummi waseZimbabwe.

abongile.ginya@inl.co.za