Balwa ukuthengiswa kwelizwe ‘kumasela’

“Soze sivumele ilizwe lethu lithengiselwe amasela aneenjongo zokugulula kwanto esayilwelayo.”

La ngamazwi kaSipho Pityana, igqala leANC, ngethuba ethetha ePitoli ngoLwesithathu apho amawaka ngamawaka abantu ebebuthelene phantsi kwephulo i-#SaveSouthAfrica, elichasene nokudlakatheliswa kwelizwe ngabo balala ngengubo enye noMongameli Jacob Zuma.

“Malande ilizwi labantu abanjongo zabo ikukonga uMzantsi Afrika kwiinkokeli ezinobuqhophololo. Into esiyifunayo kukukhokelwa ngabantu esibonyulileyo, hayi usapho oluthile. Soze siyinyamezele kwanento yokusetyenziswa kwamaziko karhulumente ukulwa ezopolitiko,” utshilo uPityana, ezekelisa ngomba obuphakanyiswe yiNPA ebibeke amatyala uMphathiswa wezimali uPravin Gordhan, yaphinda kamva yawarhoxisa.

Kusenjalo inkundla ephakamileyo yoMntla-Rhawuti igwebe ngelithi ingxelo yoMkhuseli woLuntu ngomba wokudlakatheliswa kwelizwe mayithiwe thaca esidlangalaleni, emva kokuba uZuma ebekhe waxhathisa efuna ukuba ikhonkxwe.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za