Balwela amalungelo abo abantu bohlobo le-Albino

BANGAPHAYA kwekhulu abantu abaye bangungelana eBraamfontein eRhawutini bebambe umngcelele woxolo olwa ukubulawa kwabantu abazii-Albino.

Isithethi salo mngcelele uNkosinathi Dlamini uthi abantu abalolu hlobo baphila phantsi komngcipheko omkhulu nanjengoko bexhwilwa, bebulawa, kwaye abanye bathengiselwa amaxhwele.

Uthi, kwezinye iindawo kweli loMzantsi Afrika kukholelwa ukuba bazisa amathamsanqa xa befile kwenziwe amayeza.

Uthi abaziva bekhululekile nokuba umntu sele ezihambela kuba engayazi enokwenzeka kuye.

Oku kuziinzame zokulwa oko, kwaye bazive bekhululekile ngalo lonke ixesha.