Balwela ukugxothwa ngenxa yekhorona!

Abasebenzi base Volkswagen eTinara beqhankqalazela ukugxothwa kwabameli babo abali-14.

Malunga neshumi elinesine leenkokheli zabasebenzi phantsi kombutho iNational Union of Mineworkers of South Africa (Numsa) ezithe zagxothwa ngumzi wakwaVolkswagen (VWSA) eTinara.

Lo mbutho ufake isibheno esikhawulezileyo kwiKomishoni yoXolelwaniso (CCMA) kwaye eli tyala liza kushukuxwa kwiveki ezayo ngoMvulo. Ukanti umbutho weSouth African Federation of Trade Unions (Saftu) uvakalise ukuba uza kubamba udlwabevu loqhankqalazo phambi kwefektri yalo mzi olugunyazisa ukuba babuyiselwe enkomeni.

Unobhala weSaftu uMzikazi Nkata uthi emva kokuba bebenethemba lokuba iVWSA iza kuzibuyisela ezi nkokheli emva kwentlanganiso ebibanjwe kwiveki ephelileyo, kodwa inkampani ime entla.

Othethela iSaftu uLuyolo Makwabe uthi umbutho wabo ungenelele kulo mbhodamo ngenxa yokuba oku kugxothwa kwezi nkokheli kwenzeka ngethuba apho abasebenzi abangaphezu kwezigidi ezintathu bephulukene nemisebenzi yabo ngenxa yobhubhane weKhorona, uninzi lwabo lophulelwa imivuzo.

“SinguSaftu sikubona oku njengengcinezelo yabasebenzi kwaye siyigxeka kanobom iVWSA ngenyathelo elithathileyo ngokuthi igxothe iinkokheli ezonyuliweyo ngolu hlobo,” utshilo uMakwabe.

Uthi balibona eli nyathelo lokugxothwa kweenkokheli njengesigrogrisa abasebenzi bonke kule nkampani.

UMziyanda Twani omele abasebenzi.

Ezi nkokheli zigxothwe emva kokuba zakhuthaza abasebenzi ukuba bayeke ukusebenza ngomhla we17 kuJulayi nyakenye emva kokuba iVWSA yapapasha ukuba malunga ne120 labasebenzi laye losuleleka yintsholongwane yekhorona. INUM ikholelwa kwelokuba eli nyathelo lihambisana ngqo nomgaqo odandalaziswe kwigazethi yeSebe leMisebenzi neNgqesho ebeka phambili ukhuseleko lwabasebenzi ngokunxamnye nekhorona.

Iinkokheli zazikhala ngokuxinana kweendawo zokusebenza. Unobhala weNumsa kwingingqi yaseBhayi uMziyanda Twani uthi iVWSA yala ukulungiselela iimeko ezinqongophalisa ukunwenwa kwekhorona..

“Kwakunzima ukuba abasebenzi bathi qelele komnye nto leyo eyophula umthetho yongeze amathuba osulelwano,” uTwani utshilo.

Unobhala jikelele uIrvin Jim uthi iVWSA yavumela ukuvulwa kwemisebenzi ngelo xesha kodwa yayingakulungelanga ukuthobela imigomo yokusebenza phantsi kwekhorona.

“Kwaye le nkampani isaqhubeka isohlwaya abasebenzi abaphelelwe ziintsuku zokugula ngelithi bosulelwe yikhorona ngaphandle kwamagumbi efektri,” utshilo.

“Ophethe abasebenzi apha, uRichard Kasika, akafuni nokuthethana nabo bathunywe yiNumsa kuba esithi igqiza lethu lisengamsulela ngekhorona,” ulebele ngelitshoyo uJim.

INumsa ikwatyhola ngelithi imivuzo yabasebenzi yehliswe ngomyinge we50% kwezinye iinyanga kodwa abasebenzi abakafumani nto kuchatha ovela kwiUnemployment Insurance Fund’s Covid-19 Temporary Relief Scheme.- ANNA MAJAVU/ NEWFRAME