Bamamele uKhanyisa ebadla izithende!

Khanyisa Nkantsu-Sabuka

“Mna ndiyamxolela uKhanyisa, ndiyamthanda, andinanqala ngakuye,” oku kuthethwe nguButho Vuthela emva kwelizwi elishicilelweyo (voice note) ekuvakala ukuba lelemvumikazi yegospile uGqr. Khanyisa Nkantsu-Sabuka elijikeleza kumakhasi ezonxibelelwano, nalapho evakala ethetha ngendlela eyonyelisayo ngabanye oogxa bakhe abacula umculo wokholo, nabaquka uVuthela.

Kolu shicilelo-zwi eliviwe liphephandaba I’solezwe, uKhanyisa uvakala ekwincoko nomntu ochazwe njengoGqr. Vuyisa Matshaya, obesebenza naye ixesha elide.

Phakathi kwezinye izinto uKhanyisa uvakala esithi “Matshaya ndicela ususe la Poster kuFacebook, imbi, iyandiphambanisa, ingathi yenzelwe ooLuleka nooMawethu.”

Kule ncoko uvakala ebuza ezinye zeemvumi anokuzimemela kusungulo lwakhe lwecwecwe.

“Kwaba bantu baculayo uthi ucinga umkhonzi wena? Inee-nonsense ke la nto imfutshane, ndiza mzama ndithethe naye, ndive ukuba uthini na.”

Uvakala ekwathi: “UThumeka Hana( enye yeemvumi) must Fall ngokuba naye usiwisile phaya eKapa, ngapha koko asizokubanemali yomntu osuka ngaphandle.”

“Bese ndicinga noButho [ Vuthela ] kodwa ndabe ndacinga ukuba uButho ngulo unee-nonsense (ana) zakhe, bendicinga mhlawumbi beze noYolanda [Vuthela].

“Kufanele bazi [ uButho noYolanda] ukuba besingalwi nabo ngokuya besisenza la lontshi. Thina noMatshaya si-above, si-level headed, kwaye singamakholwa, sisindisiwe. Bona ke bobabini bayayithanda into ngathi iyalwisa.”

UKhanyisa ukwavakala ethetha ngoAnele Sabani, oyimvumi eselula yegospile. Kunyaka ophelileyo, uSabani uxelele I’solezwe ngengoma yakhe ethi ‘Amandl’ endumiso’ nokubhungca ekufeni ngethuba efunyaniswe enethumba lasengqondweni (brain tumour).

“UseKapa esikolweni [Anele] uSabani , bendimfuna, andimazi nokuba akade apase na, inokuba wenza iMedicine ( izifundo zonyango ). Bendicinga sikhangele phakathi kooVuthela noMalibongwe [Gcwabe].”

Encokola neli phephandaba, uButho Vuthela uthethe wenjenje: “Nangona ndingethandi ukuphawula ngale nyewe nje, kodwa ndingathanda ukuyiveza eyokuba andinangxaki naye uKhanyisa. Uchuku lwakhe alizokundinceda nganto, mna ndiyamxolela, ndiyamthanda, andinanqala ngakuye.”

UVuthela uthi isipho anaso asoze sithathwe mntu. “NdiseRawutini, amehlo am akwicwecwe lam elitsha endiza kulikhupha kwiveki ezayo. Asinalo ixesha lokujongana nezinto ezimbi ezithethwa ngathi,” kutsho uVuthela.

Ukanti yena uAnele Sabani uxelele I’solezwe ukuba udanile.

“Ndidanile kwaye ndibuhlungu. Andinanqala ngakumama, ndiyamthanda.”

USabani wenza izifundo ze-Events Management eKapa. Izifundo zakhe zaye zaphazamiseka ngethuba elele ngandletyananye esibhedlele.

Ukanti ngelixa yena uMawethu Madikiza ebhale kuFacebook wakhe ukuba “ andizokufumaneka ukuphawula ngalo mcimbi.”

Abathandi begospile nabantu ngokubanzi kumakhasi wonxibelelwano bavakalise ukudana zezi ntetha, bambi becengana ukuba kungagwetywa.

Imvumikazi yegospile uKholeka Dubula ibhale kuFacebook isithi nale iza kudlula kuba akekho ongenasono.

Ngelixa yena uMfu. Nkomfa oyimvumi yokholo naye ethe wanqanda iimvumi kumkhwa wokuhlebana nokuthetha kakubi ngabanye.

“Zimvumi zegospile zoMzantsi Afrika, ndiyanicenga, masiwuyekeni umoya wokuhlebana nokuthetha kakubi ngabanye, ingakumbi xa umntu umbona ukwizinga eliphezulu.”

“Asingabonyelisi bevangeli na xa sinje?” kubuza uNkomfa kushicilelo oluthutyelezisiweyo.

UMfu. Nkomfa ucaphule amazwi aseBhayibhileni athi: “Emthonjeni omnye, akhe aphuma na amanzi amnandi namanzi amtyuba?

“Le milomo sisikelela ngayo abantu, sihamba siqalekisa abantwana babantu ngayo, imbi le nto!” kutsho uNkomfa.

Utsho ebongoza iimvumi ukuba lo mcimbi ziwuphathe ngononophelo nobulumko ukuze kungabikho bani oncama ikhono lakhe lokucula.

UNkomfa uthi nabanye bayazenza ezi zinto ntonje abakaveli.

UNkantsu-Sabuka bekulindeleke atsholoze kwiPraise Revival ezakube iseMonti kwiveki ezayo.

USimthembile Nkunzi weMatrix Media eququzelela iPraise Revival uxelele I’solezwe ukuba uNkantsu-Sabuka ucele ukurhoxa ekuthabatheni inxaxheba kulo mcimbi nanjengoko esaqubisana nale meko.

“Umcimbi wona usaqhubekeka, kodwa yena uSis’ Khanyisa ucele ukuba abekelwe bucala ekuculeni kuwo.”

Ethetha egameni likaKhanyisa Nkantsu-Sabuka, uManejala wakhe uMzi Nkantsu okwangumntakwabo uthi okokuqala emakuqwalaselwe le yingxoxo phakathi kwesibini esincokolayo.

“Yincoko yabantu ababini le, apha kuvakala impendulo yomntu omnye, iphi eyalo uncokolelwayo?

“UGqr. Matshaya beneenjongo ezithile ngokwenza oku.”

UMzi uthi bathabatha uxanduva ngale nyewe kwaye esi senzo asinokuthetheleleka.

“Siyaxolisa kwabachaphazelekayo, kwaye siyaqhubekeka sikuthethwano nokungxengxeza kwaba bachaphazelekileyo.

“Siza kuhlala phantsi noKhanyisa simbonise indlela yokuziphatha njengodade othandazayo,” kutsho uMzi.

UMzi uthi le ncoko phakathi kwesi sibini yeyonyaka ophelileyo phambi kokusungulwa kwecwecwe likaKhanyisa.