Bambethe wabokoboko otyholwa ngobusela eMaluti

Kubanjwe abarhanelwa abane belali yakuMahangu, eMaluti, emva kokuba bethe bathathela umthetho ezandleni zabo babetha umfana onamashumi amabini anesibhozo ubudala, bemtyhola ngokuba imfuyo yabo.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ala mmandla, uKapteni Raphael Motloung, uthi abahlali belali le, bekhatshwa nguceba wabo, bagqibe ekubeni bamkhangele umfana orhaneleka ngokuba imfuyo. Ukumfumana kwabo baye bambethela oogqirha nezicaka.
 
“Bambethe ngeenduku, kwakunye nangesabhokwe, wabokoboko kodwa ukwazile ukuphuncuka wasinda wabe sele ebalekiselwa esibhedlele apho achacha khona. Amapolisa akwazile ukubamba abarhanelwa abane kwinginginya leyo. Eso sine siquka noceba wabo. Abarhanelwa baphakathi kwamashumi amathathu ananye ukuya kumashumi amahlanu ubudala,” utshilo uMotloung.
 
UMotloung uthi, abantu kudala belumkiswa ukuba mabangazithatheli umthetho ngokwabo kumatyala anje. Uthi imeko eziloluhlobo zichazwa emapoliseni.
Kulindeleke ukuba bavele phambi kweenkundla zamatyala kungekudala. Kukwalindeleke nokuba kubanjwe nabanye.