Bambulele ukuze bazuze imali yepolisi!

Kubhaqwe umzimba wenkosikazi sele ubanda ngakwindlela yegrabile kwilali yaseBalasi kude kufuphi naseQonce.

Lo mzimba ubhaqwe ngabahlali bale lali nabaye bawufanisa bakhawuleza ukutsalela amapolisa aseQonce.

Ixhoba lichazwe njengoZukiswa Ntuku welali le yaseBalasi. Ingxelo ephuma kumapolisa ithi ngokophando oluye lwenziwa ngabecuphi bafumene iindaba zokuba uNtuku ubulewe ngabantu abamaziyo, bembulalela ukuba befuna imali nanjengoko wayebhaliswe kwipolisi ngomnye kwaba bambuleleyo.

Kuphando olwenziwe ngabecuphi ludiza ukuba abarhanelwa ababandakanyekayo ekubulaweni kukaNtuku bathathu, kubo kuquka inkosikazi enamashumi amahlanu ubudala neyeyona iphambili kwakunye nabafana ababini, onamashumi amabini kwakunye nonamashumi amabini anesihlanu eminyaka ubudala.

Le nkosikazi, enamashumi amahlanu eminyaka, neyeyona iphambili ekugetyengweni kukaNtuku, kutyholwa ukuba ineepolisi ezimbini eyabhalisa kuzo uNtuku.

Ingxelo ithi injongo yokuba imbulale kukuba besele kufike ixesha lokuba ifake ibango lwezi mali (claim) ebifake kuzo uNtuku.

Amapolisa athe akuva umkhondo malunga neli tyala aya kwisitalato iHintsa eBisho, apho afike abamba khona le nkosikazi.

Emva koko angqale eBriedbach apho abambe khona omnye umrhanelwa, ze owesithathu ambamba edolophini eQonce. Abarhanelwa bobathathu baye babekwa ityala lokubulala kwangoko nekulindeleke ukuba baxoxe kungekudala.

INkumanda yamapolisa aseQonce, uBrigadier Luntu Ngubelanga, uqhwabele izandla abecuphi abalandela eli tyala ngomsebenzi wabo okhawulezileyo.

“Oku kuthumela umyalezo kuye wonke owenza ububi nosacinga ukukhohlakala ukuba

amapolisa awayi kuphumla nanini de abe umenzi wobubi uyabanjwa.” UNgubelanga ukwancome abahlali ngokuncedisana namapolisa ngolwazi oluthe lwabangela ukuba abarhanelwa babanjwe ngokukhawuleza.