Bamchaze njengomntu obehlonela uluntu okaPulumani

Bamchaze njengesifundiswa ebesihlonele abantu nophuhliso lwesizwe, singakhokelisi kufunda sayityekeza imfundo kwanamava wakhe kwimiba edla umzi.

Abanye bathi ebehlonipha kangangokuba umntu wonke ebemenza intanga yakhe okanye azenze mncinci kuye ngeminyaka.

Lowo nguLoyiso Pulumani, obesiSithethi seSebe lezeMfundo eMpuma Koloni, obhubhe ngomhla wokuqala kule nyanga emva kwengulo emfutshane.

Abazili bathe babuthelana eMandla Makupula Leadership Institute eStirling eMonti ngoLwesine kwinkonzo yesikhumbuzo kaPulumani.

Isithethi seMfundo esiSiseko kuZwelonke, uElijah Mhlanga, uchiphize iinyembezi echaza ilahleko isebe lezemfundo elithe lakuyo ngenxa yokuphulukana noPulumani. “Ukuva kwam iindaba zokubhubha kwakhe, ndakhala. Xa ndandifake umphanga wakhe kumaqonga onxibelelwano, abantu babengayikholelwa.”

“ULoyiso ebemdala kakhulu kunam, kodwa imbeko andinike yona, andiyazi nokuba bekutheni andinike yona. Ungumntu ofunde kakhulu, onolwazi oluphangaleleyo kwezopolitiko futhi kudala wasebenza kurhulumente, kodwa ebendihlonipha kakhulu,” utshilo uMhlanga esithi uPulumani ebengakoyiki nokuqubisana nemiba edla umzi.

Isithethi seNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane, uMvusiwekhaya Sicwetsha, uchaze uPulumani njengomntu obewuthanda umsebenzi wakhe. “Ubudala bakhe zange bubengumqobo ekwenzeni umsebenzi. Ebesoloko ekhona rhoqo emsebenzini ngamaxesha ekufuneka ekhona ngawo.”

UPulumani waqeqeshelwa ubutitshala. Ukhe wangutitshala phambi kokuba aphindele esikolweni eFort Hare apho afunde de wafumana isidanga seeMasters kwezembali. Ukhe wahlohla phaya eFort Hare kwicandelo lezembali. UPulumani uza kungcwatyelwa kuKomani ngoMgqibelo. Phumla ngoxolo Mqwathi!