Bamfumene etshabile umfundi obelahlekile waseNgqamakhwe

Ubhaqekile umzimba wentwazana enamashumi amabini eminyaka ubudala uNonelwa Mdleleni waseNgcisininde eNgqamakhwe nobengumfundi webanga leshumi kwisikolo samabanga aphakamileyo iSiyabulela S.S.S kule lali.

Oku kulandela emva kokuba engazange abuye esikolweni ngomhla wesibhozo kule nyanga sikuyo. Isithethi samapolisa aseGcuwa kwakunye neendawo ezingqongileyo uKapteni Jackson Manatha uthe, uMdleleni wagqityelwa ngethuba ebuya esikolweni emva kwemini, kwaye azange afike kowabo ngolo suku.

“Umzimba wakhe uye wabhaqwa ngoLwesihlanu esimshiya ngasemva ngentsimbi yesibhozo kusasa.

“Ubhaqwe liqela lamakhwenkwe ebelizingela. Umzimba wakhe ufumaneke ufihlwe ezindongeni kwilali yakhe eSigingqini eNgcisininde eNgqamakhwe,” utshilo uManatha.

UManatha uthi, emva kokungafiki kwakhe ekhayeni abahlali baye baqalisa ukukhangela. Uthi bengamapolisa bakholelwa ukuba umenzi wobubi ebeyazi ukuba uNonelwa uzakuhamba yedwa xa ebuya esikolweni.

“Ufunyenwe enamanxeba kumzimba wakhe ongentla, kodwa kucaca ukuba ebeqale wagcinwa kwindawo ethile kuba umzimba wakhe ufumaneke ungekaboli. Ziziphumo zoogqirha kuqhaqho lomzimba ezizakuchaza ukuba ibidlwenguliwe kusini na le ntwazana,” utshilo uManatha.

Kungoku nje kuvulwe ityala lokubulala ngamapolisa aseNgqamakhwe. Kukwabongozwa noluntu olunokubanolwazi ngomrhanelwa ekubeni luncedisane namapolisa beze ngaphambili okanye batsalele uKapteni Samson Mbelebele wamapolisa aseNgqamakhwe ku: 083 480 7595.

Ukanti ayisosiganeko sokuqala esi sokubulawa ngokungenalusini kwentwazana kummandla waseMnquma.

Kutshanje kwinyanga ephelileyo uCanzibe kwaye kwaduka uSiphosethu Waphi (16) waseGcuwa ngethuba esiya esikolweni kusasa eCunningham S.S.S eduka enxibe imaphla yesikolo.

UWaphi wabhaqwa ngosuku lokugqibela kuCanzibe emveni kosuku edukile ecaleni kwehlathi kwilali le nalapho amapolisa ayerhanela ukuba waqala ngokudlwengulwa phambi kokuba abulawe.