Bamfuna eziseleni odlwengula amakhwenkwana

IVELE kwinkundla ephakamileyo eRhini indoda yaseMonti eyombethwe ngamatyala okudlwengula amakhwenkwana, nebingaphandle ngengqawule.

UBruce Ehrlich ubanjwe ngomhla weshumi elinanye kuEpreli walo nyaka eMonti, ngezityholo zokophula eminye yemiqathango yengqawule.

Oku kwenzeke emva kokuba wathi wakhululwa eluvalelweni emva kokudontsa iminyaka elishumi- kwelishumi elinesihlanu awayegwetywe yona yinkundla yengingqi eMonti, ngezihlandlo ezilishumi elinesine zokudlwengula amakhwenkwana.

Ubanjwe emva kokophula umqathango omthintelayo ukuba aphume eMonti engaxelelanga magosa esebe loluleko, nasemva kokufumaniseka ukuba uhamba ezikroxweni awayethintelwe ukuba makangalibeki kuzo, kwaye ubonwa ngabahlali ehamba namakhwenkwana neyenye yezinto angavumelekanga kuzo, ngaphandle kokuba la makhwenkwana aphantsi kweliso lomntu omdala.

Esi yayisesinye sezihlandlo eziliqela uEhrlich ebanjwa evalelwa, aphinde akhululwe ngezityholo ezikumila kunje.

Waqala ukubanjwa afunyaniswe enetyala ngalo mkhuba ngo1991, enamashumi amane anesibini eminyaka ubudala ngoko, wafumana isigwebo esaxhonywa kangange minyaka emibini.

Ukanti akaqali nokuvela kwinkundla ephakamileyo ngezityholo zokophula imiqathango yengqawule.

Isebe lezoluleko ebelimelwe nguAdvocate Matthew Mpahlwa, lifuna ukuqwalasela isicelo sakhe, ngelithi ufunyenwe eziphethe gwenxa izihlandlo eziliqela, akakulungele ukuhlala ngaphandle kuba ukuluhlu lamabanjwa achazwa njengelikumngcipheko ophezulu.

U-Ehrlich uyaziphika ezi zityholo kwaye uthi ukumbuyisela eluvalelweni kuyakuba nefuthe elibi.

Ubike ukuba emva kokukhululwa eluvalelweni waqala ishishini, kwaye nguye kuphela olawula elishishini.

Ukwathe uxhasa unina oneminyaka eyi-97. Isigwebo simiselwe umhla ozakuphinda waziswe.