Bamke nomlambo babhubha

Kubhubhe abantu ababini kummandla wakuCentane ngokumka nomlambo kwizikhukula zemvula zempela veki.

Isithethi samapolisa aseGcuwa neendawo ezingqongileyo, uKapteni Jakcson Manatha edize ukuba, babini abathe baduka phakathi emlanjeni, ngowasetyhini (49) kwakunye nendoda (66). Imoto yabo ebebeyikhwele ithe yatshayelwa zizikhukhula zemvula kumlambo iNxaxho kuCentane.

“Indoda ibingumqhubi webhaki embala ubomvu. Oku kwenzeke ngomgqibelo emva kwentsimbi yesibini apho bebewela ngemoto kumlambo iNxaxho nabaqhele ukuwela kuyo, ngethuba kusoyisakala imoto leyo yabo ngamanzi. Owasetyhini uye wabonwa luluntu esenxwemeni lwalo mlambo, lo gama yona indoda iye yafunyanwa ziindadi zamapolisa aseMonti,” utshilo uManatha.

UManatha uthe, omabini amaxhoba abhaqwe ngentseni yangeCawe ngosuku looMama. Amagama amaxhoba ebengekachazwa de kwaziswe izihlobo zonke. Amapolisa aku- Centane ayaphanda ngale ntlekele.