Bamkelwe zizindlu bezakuba nomgidi

Usapho lakwaMtshoko kwilali yaseMunyu eDutywa likhupha amanzi ashiywe sisichothoUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

Usapho laseMunyu eDutywa oluthe langamaxhoba okumkelwa zizindlu ngenxa yenkanyamba luxakene nento nanjengoko kulindeleke ukuba lubenomgidi wamakhwenkwe alo mzi abegqiba koluka.

Usapho lakwaMtshoko lushiyeke lungenakhaya kwamka izindlu ezinkulu ezimbini ezinamagumbi amahlanu, indlu nganye.

Eyona nto sele olusapho luyixhalabele kukuba linabakhwetha ababini abasesuthwini ekulindeleke ukuba baphume benzelwe umgidi ngomhla wamashumi amabini anesine kule nyanga yoMnga.

“Mna ndime ngxi ngoku andizazi nokuba mandiqale ngaphi okanye ndidibanise ntoni nantoni. Abakhwetha bona inokuba bazakuphumela kula mabhodlo kuba andinayo enye indlela endingenza ngayo. Kubuhlungu kum ngaphakathi, ingathi kuza kusa kusithwa kuyaxokwa ukuba zimkile ngenene izindlu zakuthi. Ukuba bekusenzeka inga ndingemka ndizifihle ndingayiboni kwale into yenzeke apha. Bendigqiba kuhlaziya apha ekhaya emva koko gqi inkanyamba zemka izindlu,” kutsho uThandi Mtshoko noyintombi endala kwikhaya eli.

Ikhaya lakwaMtshoko lelinye lamakhaya angaphaya kwamashumi amathandathu achaphazeleke kwinkanyamba ehlasele iindawo ezininzi kummandla waseDutywa kwiveki ephelileyo.

Ngethuba I’solezwe lityelele le lali yaseMunyu, sifike abahlali beqokelela iimpahla zabo ebezigcwalise ilali zimke ngenxa yale nkanyamba logama abanye bekhwele phezu kwezindlu bebethelela amaphahla ezindlu zabo.

U-Abongile Mduba olixhoba naye uthi imbi into ebahleleyo kuba kowabo akukho mntu uphangelayo. UMduba uthi bangalivuyela uncedo oluphuma kurhulumente.

UNomasange Ndyike noxhomekeke kwinkamnkam yabazukulwana naye uthi uyakulamkela uncedo lukarhulumente kuba akaphangeli kwaye alikafiki nexesha lokuba afumane indodla. Isithethi kumasipala waseMbhashe uMzimasi Dyomfana uthi basaqokelela iinkcukacha zamaxhoba, emva koko bajonge ukuba banganceda njani.